Liyakhala igqala lomngqungqo

Igqala lomculo womngqungqo eKomani uSipho “Dr White” Lisa utyhola urhulumente wephondo ngokusilela ukuxhasa iinkqubo zokuphuhliswa komculo womngqungqo (ijezi) eMpuma Koloni.

Lo kaLisa uthi, uninzi labadlali bolu hlobo lomculo babhubha bengenanto ngenxa yokuba iinkqubo zikarhulumente azincedisani nabo ngeendlela ezininzi.

“Ukufa nokuvuka komculo wejezi kweli phondo kuxhomekeke ngokumandla kwinkxaso nentsebenziswano esiyinikwa ngurhulumente wephondo, kwaye asiyifumani lo nkxaso,”uthethe watsho uLisa.

Lo kaLisa ungumzekelo weemvumi zomculo womngqungqo ezimbalwa ezisaphilayo kweli leMpuma Koloni.

“Sinomnqweno wokushiya lo mculo kubantwana abasakhulayo, ingxaki asifumani nkxaso kurhulumente ukuze sikwazi ukwenza lo msebenzi,” utsho uLisa.

ULisa ufunde ukudlala umculo womngqungqo kumagxibha alomculo kanye kula ngingqi yaseKomani.

“Ifuthe labantu abaninzi endidibene nabo apha eKomani lenze ukuba ndincance nzulu ngomculo wejezi ndisemncinci kakhulu, kubo ndingabalula ooJoe Njenjezi noMalawana Makina kwanosapho lakwa Matshikiza nabanye abaninzi kakhulu,”uthethe watsho uLisa.

Ngenxa yothando lakhe lomculo womngqungqo uLisa uvule isikolo sokufundisa umculo kule ngingqi yaseKomani kuba efuna ukuxhobisa iintsatshana ngomculo.

“Ngenxa yentlungu ndaye ndenza Ihlumelo Music Schools Project ngeenjongo zokufundisa abantwana umculo ngokubanzi, kuba andifuni ufe ingakumbi umculo wejezi,”utshilo uLisa.

Uthi ufundisa ulwazi nzulu ngobuchule bomculo, aze aphinde afundise aba bantwana ukudlala izixhobo ezahlukeneyo.

Uhambisa athi, impawu zokufa komculo womngqungqo eMpuma Koloni zibonakala ngokuba akukho mnyhadala unesidima uqhubekayo kweli phondo.

“Abantu abatsha babhenela kwezinye iindidi zomculo kuba abafumani mfundiso ngomculo wejezi, amaqonga anesidima kulo mculo asaqhubekayo yi- Cape Town International Jazz Festival, Macufe eBloemfontein kwa ne- Johannesburg Jazz,” utsho.

Ukanti isithethi sesebe lemidlalo nenkcubeko ephondweni uAndile Nduna uthi, aziyonyani ezi ngxelo. “Ngoku ndithethayo silungiselela ukusa umnyhadala wejezi kanye phaya eKomani, kuba kunyaka ophelileyo besise phaya eKomani umculo kaMaskandi saza safumanisa ukuba awukhange uxhaswe, ngoku sizakusa kubo ijezi le yaphaya eKomani,”uthethe watsho uNduna.

Lo kaLisa usebenze njengelungu kwibhunga elibizwa ngokuba yiEastern Cape Provincial Arts and Culture Council ukusukela ngonyaka ka 2013 ukuya kunyaka ka 2015.

Kunyaka ophelileyo uLisa ukhokele iqela leKomani Jazz Ensemble ngethuba bebeye kudlala ingoma kwelaseSenegal.