‘UVavi libhedengu elingenakuthenjwa’ – Nxesi

Zikhwele zizehlela kwi- African National Congress (ANC) nakwiinkokeli zemibutho ephikisayo iinkokeli zikanxantathu weANC ngethuba bezithetha kumsitho wemibhiyozo yabasebenzi owaziwa ngokuba yi “May Day” nebibanjelwe kwiholo laseNangoza Jebe kwilokishi yaseNew Brighton eBhayi ngeCawa.

Usekela sihlalo wesizwe kumbutho wamakomanisi uThulas Nxesi uthe, kulungile ukuba iANC ifunde kwiimpazamo zayo endaweni yokuba kubekwane amabala kutyholwana ngenxa yokuba kungahambanga kakuhle.

“Masizibhence tanci singamalungu, sizibone ukuba sithi ababangele umonakalo,” utshilo esithi ezinye iinkokeli zicinga ukuba xa zithunyelwe ubunkokeli koomasipala zingasuka zibenze abazo zilibale ngabantu ezithunywe kubo. Uhambise wathi, le yenye yezinto ezibangele iingxaki kule ndawo.

“Abanye bathethela phezulu xa kusondele ulonyulo bekhwaza umanyano kunxantathu, kodwa kuthi kwakudlula ulonyulo babethele kude nalo. I ANC eBhayi yabulawa ngamagumgedle neentlanganiso zoothile ezazibanjwa eStalini nasesiporweni.

Lo ka Nxesi ugxeke uZwelinzima Vavi, owayesakuba ngunobhala jikelele weCosatu, njengebhedengu elingenakuthenjwa, esithi ligwala elihamba lisakha imibutho yokuchithachitha amalungu nombutho weCosatu.

“Ebefunani kwiDA? UZwelinzima makasixelele, ebexoxa ntoni neDA!” ulekele watsho. Obethethela umbutho weANC uBheki Cele yena uthe, umbutho wakhe udinga ukubuyela ebantwini uyokuxolisa ngokungenzi ngendlela ebilindelekile. Uthe iANC mayibuze kwaZulu Natala ukuba kunjani na ukuba kwicala lemibutho ephikisayo eburhulumenteni.

“Sinengxaki eBhayi, iANC mayiye kumzi ngamnye ithethe nabantu, iyokuchaza izono ukuze ilungelwe.”