Ixabiso lenkululeko

Ngethemba lokuba impelaveki ibiniphethe kakuhle, kwaye nabo bebeyokubhalisela uvoto loomasipala bakwazile ukwenza njalo bengakhange baphazamiseke.

Iveki ephelileyo siyivale ngengxelo yaseKeilands. Ayikude loo lali. Akunzima ukuya kuyo! Indlela imbi ingubani! Nemotwana yethu iphantse ayabuya apho, bothuke xa sifika kubo ukuba sikwazile ukuyihamba la ndlela. EKeilands bebeme kwelithi “Asivoti!”

Kumjikelo wokuqala wobhaliso kulo nyaka baphakama abahlali batshisa isikhulo sokubhalisa. Nakule mpelaveki siphuma kuyo bebeme kwelithi abazukuvumela magosa eIEC angene. Napha kwiilali ezithile zakuMqanduli bekunzima kule mpelaveki; abahlali bevale amasango besithi akungeni mntu uzakubhalisa kwelabo icala.

Sivuye kakhulu xa amagosa karhulumente esitsalela umnxeba besithi bakuzama ngandlela zonke ukuba bathethe nabahlali kwezi ndawo.

Elona phondo libethakele kakhulu kumcimbi wobhaliso ibe leliya laseLimpopo; xeshikweni izikhululo ezingaphaya kwamashumi amabini zingakwazanga ukubhalisa abantu.

Kutheni kunje?

Ingaba abahlali abawaboni amandla okubhalisela ukuvota?

Xa uthe wabhalisa uye ukwazi ukuvotela abantu abasuka kulo mbutho uwubona ngathi ungenza umahluko. Eyokukwaya ubhaliso ngenxa yokuba ungazifumani okanye ungonelisekanga ziinkonzo zabo bakumeleyo ekuhlaleni akuzonceda nto. Ingaba abantu baphelelwe lithemba olo hlobo? Ingaba mhlawumbi awukho omnye umbutho othembisayo kubo?

Enye yeengxaki esiye siyibone ngeenkonzo zoluntu yeyokuba inani leendawo zokuhlala ezintsha liyanda. Abantu bayazakhela. Nenani leelali kweli phondo likhulu kangangokuba kungazima ukwazi iinkqubo zazo zonke. Zisekhona iilali ezingenawo umbane namanzi; zimane zisithi gqi ngamaxesha afana nala okubhalisela ukuvota.

Siliphepha sizama ngandlela zonke ukuzazi ukuze nabanye abafundi bephepha bazi ngazo, kuthethwe ngazo, ziye iinkonzo napha. Ingxaki kuxa abantu bezibona bengavakali okanye bengahoywa xa bekhala.