Abarhanelwa babanjwe neengxowa zentsangu

Amapolisa aseSajonisi avalele abarhanelwa abathandathu kwifama ekufuphi nomgaqo uR61 phakathi kweSajonisi neLusikisiki ngoLwesihlanu, ngezityholo zokuthengisa intsangu.

Bebehamba ngesithuthi ngethuba bemiswa ngamapolisa.

Isithethi samapolisa uLieutenant Khaya Tonjeni uthi, amapolisa afumene iingxowa zentsangu ezikwishumi elinesihlanu ezixabisa imali engange-R39 850.

Abarhanelwa bayavela kwinkundla kamantyi yaseLusikisiki namhlanje.