Lambie: Indenza ixhala iSuper Rugby yalonyaka

Ikapteni entsha yeeSharks, uPat Lambie uthi izakunikisa umdla iSuper Rugby ka-2016 ngendlela entsha eyenziwe ngayo.

Itumente yalo nyaka yandisiwe, amaqela asuswa kwishumi elinesihlanu, enziwa alishumi elinesibhozo. Le ndlela intsha amiswe ngayo amaqela ithetha ukuba azakwahlulwa kwabini, kwenziwe iinkomfa ezine ngokwamazwe.

Into eyenza ixhala kwicala loMzantsi Afrika, kukuba, iiSharks, iiLions, kunye neeKings zizakudlala namaqela aseNew Zealand.

Kodwa amanye amaqela eli iStormers, Cheetahs kunye neBulls azizo kudlala nomnye umdlalo namaqela aseNew Zealand.ULambie, nolungiselela isizini yakhe yokuqala nje- ngekapteni yeSharks, uthi ininzi into ekufuneka beyenzile, nekufuneka baqhelane nayo.

“Inikisa umdla, ndicinga ukuba kulo nyaka wonke umntu usazama ukuzijonga ukuba ume ndawoni na, mayelana nendlela izinto ezitshintshe ngayo,” utshilo uLambie.

“Akukho nelinye iqela lase-Australia esizakudlala nalo, kwaye abantu abaninzi bakholelwa ukuba le yeyonanto izakwenza nzima izinto, kodwa ke sizakuqwalasela umdlalo ubemnye ngexesha.

“ Sizakuya eNew Zealand iiveki ezintathu, sibuyela kweli iveki ibenye, siphinde sintingele e-Argentina le yeyonanto izakwenza izinto zibenzima kwiSuper Rugby yalo nyaka,” uvale ngokutsho uLambie.