IKrisimesi phambi kwexesha eXhorha

Ibiyimincili kubahlali belali yakuCwebe eXhorha ngoLwesibini, nanjengoko iKrisimesi ithe yabafikela kuqala kunabanye.

Lo msitho weKrismesi, nobungaqali ukwenzelwa kule lali, ubuququzelwe lisebe lophuhliso lwamaphandle nohlanga-hlengiso lomhlaba phantsi koMphathiswa uMlibo Qoboshiyane, apho abantu abadala nabancinci bathe baphiwa izipho zeKrisimesi

Izipho beziquka izithole zezityalo ezingamashumi amabini anesithandathu amawaka (26 000), iingubo zamaxhego namaxhegokazi kwakunye nezinto zokudlala zabantwana ezikhuthaza ezolimo ngoku baselula.Enikeza intetho kulo msitho, uQoboshiyane uthe wagxininisa ekubeni ezi zipho, neziseninzi ezizayo, zijongise kuphuhliso lwezimali kule lali.

“Ukuba kunokwenzeka sibenexesha lokuba sikhe sizotyala imithi, umzi nomzi uyawubano mthi weziqhamo.

Abantu mababuyele ekuzenzeleni izinto ngezandla zabo. Amaxhegwazana azokuthengelwa iiwulu bathungele abantwana iimpahla zokunxiba, bayeke ukuzithenga emlungwini, kanti bezinokuthengwa apha elalini,” utshilo uQoboshiyane.

Abahlali, nababemelwe ngumama uNowotile Mgqadaza, benze umbulelo ongazenzisiyo kweli sebe ngenkathalo nasekuqinisekeni ukuba kukho amathuba emisebenzi.

“Sibulela ukufumana uhoyo lwasebu rhulumenteni, njengoba singazange silifumane ngaphambile.

Abantu abafika besithi bangurhulumente, bafika babezizigebenga,” utshilo uMgqadaza.