Letsholonyane: Siyakwazi okufuneka sikwenze ngomso

kuzoqhawuka ujingi abantwana bedlala kumdlalo wamagqibela kankqoyi weTelkom Knockout ophakathi kweMamelodi Sundowns neKaizer Chiefs eMoses Mabhida Stadium ngenjikalanga yangoLwesithathu ngentsimbi yesithandathu.

Omabini la maqela asebenza nzima kwiinkampu zawo ngokwahlukana kwawo ngelizama ukubeka into etafileni phambi kokuphela kwalo nyaka. Amakhosi aya kulo mdlalo umqeqeshi wawo ephantsi koxinizelelo emva kokuba eli qela lingakwazanga ukukhusela indebe yeMTN 8 ekuqaleni kwesizini le.

Lo nto ingqiniwe nangumdlali ophambili kweli qela lasePhefeni. UReneilwe Letsholonyane ongomnye wabadlali amambalwa kwiKaizer Chiefs abathatha inxaxheba kumdlalo wamagqibela kankqoyi weTelkom Knockout ngo’2010, unyaka iChiefs eyavuthulula ngayo i-Orlando Pirates ngo’3-0. Le ndedeba yakwaLetsholonyane ithi, bona bengabadlali bakuqonda kakuhle ukubaluleka kokudlalela impumelelo ngomso.

“Andiqondi ukuba ikhona imfuneko yekucebisa oogxa bethu ngendlela ekuphunyelelwa ngayo indebe okanye umntu uziva njani ngokuyiphumelela,” utshilo uLetsholonyane.

Njengegqala lomdlali ekudala ekhona kwiChiefs nodlale indima ephambili kwimpumelelo yeli qela kule minyaka iliqela ngaphambili uYeye uthi, bakulungele ukuqubisana neDowns.

“Yinxalenye yomsebenzi wethu ukuphumelela indebe, kwaye nale ayohlukanga kwezinye. Sinolwazi olupheleleyo singabadlali ngokubaluleka kwalo mdlalo. Kunyanzelekile sidlalele ukuyiphumelela le indebe,” utshilo uYeye izolo ngethuba ethetha neentatheli.

Amakhosi aya kulo mdlalo engciphuza emva kokuba kuvakele iindaba ezithi * -Eric Mathoho akazukwazi ukudlala ngenxa yokwenzakala.

Akukacaci nokuba ngubani ozakungena endaweni yakhe, kodwa ukungabikho kwakhe kulindeleke ukuba kumbethe uSteve Komphela. Eli qela belisoloko lisokola phaya emva kuba bekungade kubekho zinzo phakathi kwabadlali basemva.

Kwimidlalo esibhozo yamagqibela kankqoyi yeendebe ezidlalwe ngaphambili, emine yeTelkom, iChiefs ayikabethwa yiMamelodi Sundowns. Nokuba leliphi na iqela eliphumeleleyo lakuthi liphe abalandeli balo isipho sekrismesi.