UMzantsi Afrika uyaphumelela kwidabi likagawulayo – Ramaphosa

Ukupheliswa kwentsholongwane kagawulayo njengesigrogriso kuluntu kubekwe esweni.

Esi simemelelo sosekela-mongameli weli uCyril Ramaphosa ekubeni ilizwe libambisane ekulweni nentsholongwane kagawulayo kanye ngolusuku lokuqwalasela usuku lwehlabathi lwesisifo (World Aids Day) namhlanje.

URamaphosa uthethe wenjenje: “Njengokuba sizakukhumbula umhla wehlabathi kagawulayo (World Aids Day), sikhuthazekile ngamanyathelo athatyathwa ngabemi boMzantsi Afrika nkalo zonke zobomi iminyaka emininzi, ekuzameni isizukulwana esikhululekileyo kugawulayo.”

“Sinenkqubo yonyango lukagawulayo exananazileyo elizweni, ngaphaya kwezigidi ezintathu zabantu bethu bafumana unyango lwee-antiretrovirals (ARVs). Abantu baphila ithuba elide kwaye bambalwa ababulawa ngugawulayo nesifo sephepha.”Ixesha lokudla ubomi nalo lonyukile ukusuka kumashumi amahlanu anesithathu ngonyaka ka2006 ukuya kwi-62 yeminyaka ngonyaka ka2013, ngelixa izinga lokusulelwa komntwana ngunina kuqhubekeka nokwehla.

“Oku kwenziwe kwaphumelela ngenxa yokusebenza kunye nobambiswano ukucel’umngeni,” uthethe watsho uRamaphosa.

Umxholo walo nyaka we-World Aids Day uthi “Rise, Act, Protect”.

“Sikwenze into yokuqala ukukhuseleka, ukusuka emagumbini okufundela ukuya kumabala ezemidlalo, ukusuka kwimizi mveliso ukuya kumakhaya wethu, ukusuka kumagumbi wethu wokulala ukuya kumagumbi okusebenzela, nakuzo zonke iikona esihlala kuzo.

“Kufuneka sisasaze izwi lokuzikhusela, sikhuthaze bonke abemi boMzantsi Afrika abazibandakanya kwezesondo ukuba basebenzise izikhuseli. Masikhuthaze abantu ukuba bavavanyele iHIV kunye neTB,” utshilo uRamaphosa.

Uthe ilizwe maliqhubekeke nokulwa ukucalulwa kwabo baphila nale ntsholongwane, kudalwe umoya apho wonke ubani eziva ekhuselekile, abenako ukuzivavanya ngokunjalo afumane unyango.

Ukanti abakwa-Unicef bathi ukususela kunyaka 2000, phantse ibezizigidi ezikwi-1.3 abo basandul’ukusuleleka phakathi kwabo kukho abantwana, kubonise ukwehla ngenxa yothintelo losuleleko lomntwana okusuka kumama onentsholongwane kagawulayo.

Noxa kunjalo, i-Unicef iqaphele ukuba inani lokubhubha kwabo bafikisayo ngenxa kagawulayo liphinda-phinde kathathu kule minyaka ilishumi elinesihlanu eyadlulayo , ngolosuleleko olubalelwa kumashumi amabini nesithandathu rhoqo ngeyure kwabo baphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu ukuya kwishumi elinesithoba.