Itsha zintambo iChippa

IChippa United ichithe iiveki ezintlanu eNtshona Koloni naseThekwini apho ibizilungiselela khona phambi kokuvulwa kwesizini ka-2015-16 ye-ABSA Premier Soccer League ekulindeleke ukuba ibenzima njengoko onke amaqela ezilungiselele ngendlela engummangaliso.

Eli qela laseMpuma Koloni lizakudlala umdlalo wePSL walo wokuqala neentshatsheli ezikhuselayo iKaizer Chiefs eNelson Mandela Stadium, eBhayi ngomhla wethoba.

Umqeqeshi weChilli Boys, uRoger Sikhakhane, uthi wonke amalungiselelo wabo wokuvula isizini entsha ahambe kakuhle nanjengoko bedlale imidlalo yobuhlobo namaqela awohlukeneyo ngelokujonga umgangatho wabadlali.

“Amalungiselelo wethu aqhube kakuhle eKapa nalapho sidlale imidlalo yobuhlobo emibini ngenjongo zokudibanisa abadlali abatsha kwakunye nabadala, kwaye lo nto iphumelele ngokwendlela ebendifuna ngayo,” utshilo uSikhakhane.

Eyona nto athi ibibaluleke ngayo le midlalo kukwenza abadlali bafundane baphinde babonane kakuhle xa benikelana ngebhola ebaleni kwaye bazane ngcono nanjengokuba abanye bebatsha kwiChippa United.

IiChilli Boys zidlale imidlalo emihlanu yokuziqeqesha eThekwini, imidlalo ayichaza umqeqeshi njengeyona abadlali bakhe abazibonakalise kuyo ukuba bakulungele ukuvulwa kwesizini, indlela ebebenikelana ngayo ngebhola ibikwizinga eliphezulu kwaye badlale ibhola entle kakhulu bayiphumelele nemidlalo emininzi.

“Abadlali abafana noRhulani Manzini esimfumene kwiPlatinum Stars, Philane, Nkosinathi Mthiyane abasuka kuMaZulu FC, Mark Mayambela osuka kwiRoyal Eagles, Chistopher Matombo esimbolekwe yiKaizer Chiefs, Lerato Manzini, Edward Manqele kwakunye nabanye bazibonakalisile kule midlalo ukuba bakulungele ukuvulwa kwesizini,” utshilo uSikhakhane.