Uhlaselo kwiijaji zethu

Uhlaselo lwakutsha nje olujoliswe kwiijaji zeenkundla zomthetho nguNobhala we-ANC uGwede Mantashe alwamkelekanga.

Luchasene nokutshiwo yi-ANC kwi “January the 8th statement” yango- 2012 ebhiyozela ikhulu leminyaka lo mbutho wasekwayo, sisithi: “I-ANC yadlala indima ephambili ekusingathweni kweengxoxo kwi CODESA ezingekamva leli lizwe nasekuqinisekiseni okokuba izivumelwano ekwafikelelwa kuzo ziyazalisekiswa.

Umgaqo-siseko weli lizwe ekwavunyelwana ngawo ugxininisa ukulingana kwethu sonke phambi komthetho nokuhlonitshwa kwamalungelo abantu. Ezi zinto azizange zinyanzeliswe kwabo babezizithunywa ze-ANC ezingxoxweni, ngokunjalo nokubandakanywa komqulu wamalungelo abantu njengenxalenye yomgaqo-siseko welizwe.

Ezi zinto zaziyimiqathango ye-ANC, eyayimiselwe kwi Harare Declaration yango 1989, yokuqinisekisa okokuba ulawulo loMzantsi Afrika omtsha lusekelezelwe kwiintsika ezamkelekileyo emhlabeni jikelele, eziquka okokuba thina bantu sixhamle amalungelo amiliselwe kumqulu wamalungelo abantu.”

Ukanti, kwi “January the 8th statement” yango 2015, i-ANC yancoma ikwabhiyozela inkqubo yokuhlonitshwa kwamalungelo abantu egunyaziswa ngumgaqo-siseko weli lizwe, ngokugxininisa okokuba “ukukhuthaza kokuhlonitshwa kwamalungelo abantu kwakusoloko kuluphawu olubalulekileyo kwi -ANC kwasekusekweni kwayo.”

Oku kutshiwo ngulo mbutho kusinika umhlaba wokunyathela xa siphicotha okutshiwo nguMantashe nabanye, nokuthe kwakhokelela ekubeni iijaji eziphezulu zimemelele intlanganiso ekhawulezileyo nomongameli Jacob Zuma ukuze kushukuxwe le meko echazwe njengeyehlisa isithunzi seenkundla zomthetho zeli lizwe.

Kona siyayazi into yokokuba kwinkqubo yentando yesininzi esekelezelwe ekulawuleni komthetho kusoloko kukho ukungaboni ngasolinye okungathintelekiyo nokuyinxalenye yentsebenziswano phakathi korhulumente okhokelwa yikhabhinethi kunye neenkundla zomthetho ezikhokelwa ziijaji.

Abo sebekhe baphawula ngokungaboni ngaso linye okulolu hlobo basoloko begxininisa into ethi, nangona ingeyonto inqwenelekayo, makungasimangalisi. Babuchaza njengobungqina bokokuba sineenkundla zomthetho ezizimeleyo ezigweba ngokungenamkhethe, hayi ezingoovumakonke. Ngokungathandabuzekiyo, siyayazi into yokokuba urhulumente ukhe aphazamiseke ngokucaphukisayo ngenxa yokulahlwa sisigwebo senkundla kuluhlu lwamatyala angundabamlonyeni achaphazela ulawulo lwelizwe.

Ngoko ke oku kuphazamiseka ngokucaphukisayo kusengaba sisizekabani sezikhalazo ngakwiinkundla zomthetho ezivela kwiinkokheli zezopolitiko eziquka uMantashe. Kaloku iqhelekile into yokokuba abo balahlwa sisigwebo senkundla bakhathaza ngokugxeka iinkundla zomthetho endaweni yokuzinukisa amakhwapha babuyise unyawo lwabo olutenxileyo behlonipha umthetho. Neenkokheli zezopolitiko azimsulwa kulo mkhuba, njengoko sesibona.

Xa sikhangelisisa izikweko ezikuhlaselo zikekelele ekubeni iinkundla zomthetho ziphikisana norhulumente owenyulwe ngabantu, nto leyo ebonwa njengechaza okokuba zisebenza ngokufanayo neenkundla zangexesha lengcinezelo. Okuxhomisa amehlo ngohlaselo lukaMantashe nabanye kukungabi nasihlahla kwezikhalazo zabo.

Kaloku ubungqina obaziwa luninzi lwethu busibonisa okokuba iinkundla zomthetho namhlanje zehluke kakhulu kunangeentsuku zangaphambili, ilizwe lingekakhululeki.

Isikhalazo malunga nokucotha kweenguqu ezinkundleni zomthetho kunye nokusebenza kweejaji kuqheleke okokuba sijoliswe kwabachasene neenguqu bebambelele kumandla abawafumana ngexesha lorhulumente wocalucalulo. Ngokowam umbono, eso sikhalazo asingeni ndawo malunga neejaji zelizwe lethu namhlanje.

Ijaji Eyintloko, iSekela Jaji Elinyintloko, uMongameli weNkundla Yezibheno, iSekela Mongameli leNkundla Yezibheno kunye neeJaji ezongamele iiNkundla Eziphakamileyo ngabantu abaNtsundu; akukho nanye kuzo eyayiyijaji phantsi korhulumente wocalu-calulo; zonke zachongwa ngaphantsi komgaqo-siseko welizwe owaphunyezwa ngonyaka ka -1996.

Xa kunamhlanje zingaphezulu kwe -134 iijaji ezichophela amatyala kwiinkundla zeli lizwe mihla le. Kananjalo kulinganiselelwa okokuba amashumi amathandathu ekhulwini (60%) azo ngabantu abaNtsundu.

Ewe kona kusekho ukukhwina nokunganeliseki malunga nenani eliphatsi leejaji ezingabasetyhini njengoko zimalunga namashumi amabini anesihlanu ekhulwini (25%) okwangoku, nangona sekuphele amashumi amabini ananye sakhululekayo. Siyavumelana okokuba oko kusafuna ukuqwalaselwa; kodwa asililo icala ekujongiswe kulo amazwi ahlaselayo ngabo banezikhalazo ngeejaji kunye neenkundla zomthetho zeli lizwe.

Nguloo mehluko otsho iingcinga zibetha-bethane. Ingaba bafuna sibuyele kundalashe? Kungcono balitsolise, ukwenzela okokuba iingxoxo ezihluziweyo ezibandakanya thina sonke ziqalise, sitsho sivakalise izimvo zethu xa zizonke.

Okwangoku, luxanduva lwethu sonke ukuba uhlaselo olujoliswe ezinkundleni zomthetho siluchilele kude , kungenjalo sakonzakala sonke.