Gqaba-gqaba kwiPSL

Abadlali abaziwayo abakhululwe yiKaizer Chiefs kwinyanga ephelileyo abafana no-Itumeleng Khune, uMandlala Masango kunye noTefu Mashamaite akukacaci nangoku ukuba bayophelela phi na njengoko bekhululekile ukuba bazibandakanye nalo naliphi na iqela abalifunayo. Ingxelo ithi yena uMasango uza kubuyela kwiChiefs. kodwa kuthe cwaka ngekamva likaKhune obesoyanyaniswa neDowns. Kanti yena uMashamaite usame nematha emva kweendaba ebezimoyamanisa neqela laseMelika kwiveki ephelileyo. Ukanti ifolosi yeBafana Bafana uKatlego Mphela uyekile ukuziqeqesha neqela leYunivesithi yasePitoli. Ingxelo ejikeleza kumajelo eendaba idiza ukuba akubonakali ngathi uMphela nobekhe wabonakala emabaleni eTuks ebutsheni bale veki angatyikitywa leli qela.

Kuvakala ukuba uMphela khange abonakale emabaleni kwezi ntsuku zimbini zidlulileyo. Ukanti iMaritzburg United ngomso iza kubhengeza umntu oza kungena endaweni kaSteve Komphela njengomqeqeshi. UMandla Ncikazi nobencedisa uKomphela njengomqeqeshi nguye ekukholeleka ukuba angavala esi sithuba, aze ancediswe nguFadlu Davids.

IMaritzburg United ishiyeke ingena mqeqeshi emva kokushiya kukaKomphela ngoku ngxamisekileyo kweli qela. IMaritzburg United ibilindele ukubhatalwa nguKomphela, kwaye ijonge ukuthabatha ingalo yomthetho. “Andinakutsho ukuba ngubani oza kuba ngumqeqeshi omtsha, kodwa siza kubhengeza yonke into namhlanje xa sikhupha ingxelo yoonondaba,” utshilo uKadodia. Ukanti * -Ernst Midderndorp nobesandula kugxothwa yiChippa United phantsi kwezityholo zokunga hloniphi abadlali nabalawuli kweli qela kukho amarhe ebekhe amdibanisa nento yokuba angaphinda abuyele kweli qela. UBennett Chenene usiwe kwiqela labancinci leSupersport United.

Ukanti uChenene kunye noThabiso Nkoana kuthiwa baziqeqesha phantsi kweqela labakhulayo, nelijongwe nguRicardo Katza. UChenene ebekhe wadityaniswa nokuya kwiqela lePolokwane City njengenxalenye yotshintsho lwabadlali. Nalapho aMatsatsantsa ebejonge ukufumana uPuleng Tlolane. Ukanti inzalelwane yase Zimbabwe edlala kwiqela leKaizer Chiefs uOvidi Karur, unikwe ithuba lokuba atsale umdla womqeqeshi omtsha uSteve Komphela. UKaruru besele kuvakele ukuba ngomnye wabadlali iChiefs eza kubolekisa ngabo kwamanye amaqela e-PSL.

Le dyongwana nebisuka kudlala eBelgium ifike ekuqaleni kwesizini ephelileyo kwiChiefs, inikwe ithuba lokuba isebenzise eli khefu ukutsala uSteve acinge kabini ngokumsa kwenye indawo. Enyanisweni uKaruru khange afumane thuba lokudlala kakhulu kule sizini iphelileyo. Uqale kwimidlalo emibini wangena phakathi kowesithathu isizini yonke. Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, odlala esuswini uza kube nethemba lokufumana ithuba ebaleni kule sizini.