Uqumbile umbutho wabaqeqeshi

Uqumbe usisifu umbutho wabaqeqeshi,i-SAFCA, yinkqubo elandelweyo xeshikweni kuqeshwa uNeil Tovey njengengqonyela kwicandelo lemidlalo kwiSouth African Football Association.

Lo mbutho ulawula ibhola ekhatywayo kweli loMzantsi Afrika ubhengeze ukuchongwa kukaTovey ngoMgqibelo weveki ephelileyo kwikhasi lonxibelelwano uTwitter.

Siwothusile umbutho wabaqeqeshi, i-SAFCA, eso sibhengezo kuba bona basalinde umjikelo wesibini weengxoxo malunga nomntu obezongena kwesi sikhundla. Umongameli walo mbutho, uGreg Mashilo, udize ukuba khange iphathwe kubo eyokuchongwa kukaNeil Tovey. “Ndothuswa nyhani kukuva ezi ndaba kumajelo eendaba, njengelungu lekomiti

ebelichophele lo mcimbi kwakunye nanje ngenxalenye yesikhokelo sabaqeqeshi jikelele kulindeleke ndenze ingxelo kubo, kodwa kunzima ukwenza njalo xa izinto zisenzelwa ekhusini,” utshilo uMashilo.

Kuvakala iindaba ezithi bekukhe kwakho ukungavumelani okuthile ngoyena mntu ofanele kukungena kwesi sikhundla sinikwe uTovey. “I-SAFCA yibhodi egunyazisiweyo ngumthetho ukuba ihlangabezane nemicimbi ephathelene nalo, iyasiphazamisa into eyenziwe yi-SAFS” utshilo uSimon Ngomane.

“Kuyasiphazamisa kwaye kusiphatha kakubi ukuva into ethi ikomiti ejongene nalo mba khange idlale ndima kule nto. Iintsuku zokwaziwa kwe-SAFCA xa kusondela ulonyulo zadlula, lo mbutho usebenza nzima kuphando-nzulu oluza kuza

neempendulo eziza kuthatha ibhola yeli liyibeke kwelinye inqanaba,” utshilo uNgomane.

Kodwa ke * -Anastacia Tsichlas uyithethelele i-SAFA ngokuthi kuqwalaselwe imbali yakhe kwibhola nje ngokubanzi kwibhola yoMzantsi Afrika.

“UTovey udlalile kwinqanaba eliphezulu kwibhola waphinda waqeqesha kwinqanaba eliphantsi nakweliphezulu kananjalo,” utshilo uTsichlas.

Okunye okuvezwe yi-SAFA kukuba iza kuqeqesha ishumi lamawaka ngonyaka, kwaye omnye wemisebenzi kaNeil Tovey iza kuba kukuncedisa kakhulu kuphuhliso lwabo.

Ukukhawulezisa uqeqesho loonompempe, uphuhliso lwabadlali abatsha kunye nebhola yabasetyhini zezinye zezinto eziza kwenziwa nguNeil.