Akukho nto isisithuko ngokunokwayo

Abantu basoloko besithi isiXhosa sikrwada, siyathuka. Xa batshoyo ke sukube bekhalazela ukubizwa kwezinto ngamagama azo esiXhosa.

Kuthi ngenxa yentswelakuqonda kumntu endinguye, ndikhethe ukuzibiza ngamagama eelwimi zasemzini ezo nto, ndingazi ke ngoku ukuba ndingcono phi na ke ndikwabiza nje nangolo ulwimi.

Ntwazana ithile indinceda kumzi wogcinomali, suka ibhude leyo nto yayiyenza, izingxolise ke ngolwimi lwasemzini ithi “shithi!” Nditsibe kwaoko ndathi “ngawuphinde ngesiXhosa ke ntombam.”

Yaphelelwa sisibuni ngelo xesha, yagungqa izikhohlelisa. Ndaqokela ndathi “ndikutolikele ngesiXhosa na le nto ugqiba kuyithetha?” ithe ingaphendulanga ndabe senditsiba ndiyitolikela ndisithi “uthi kunya!” Wathi egungqa nangakumbi ndathi “sele utshilo ntombam.”

Ndandimkhupha intlantsi ngabomu loo mntwana wayecinga ukuba uphucukile xa ezibiza ngesiNgesi izinto nangani zikwathetha kwaloo nto inye nangesiXhosa.

Kambe ke andikho apho. Apho ndikhoyo kusekubeni isiXhosa eso kuthiwa siyathuka asinayo kwanto isisithuko ngokukwayo.

Ukubiza umntu ngokuba nempumlo enkulu nangenyheke asikokuthuka.

Ukuba ngenene ezo nto zinjengokuba uzixela kuye akumthuki koko uyambonga, kunjalo nje akukho kwanto imele kumkhathaza kuleyo nto kuba zinjalo kakade.

Akukhathaliseki nokuba akazithandi na okanye akakuthandi ukubabazwa kwazo, akuzu kuxelelwa nguye ukuba mawuthethe, ungathethi ntoni na.

Ukuba ke akunjengoko uzichaza ezo nto, ulixoki, ulixoki ukuthi zinkulu kanti azinkulwanga; uphambene. Akukabikho sithuko ke kuyo yonke leyo nto.

Ukukhwaza umntu ngelungu lesini likanina okanye likayise kukwenza nje intetha engaphelelanga, intetha yobudenge ngamanye amazwi.

Akuchazi ukuba atheni, nokuba uyachaza uyaxoka kuba akuwazi, awuzange uwabone. Uyichaza njani ke into ongazange wayibona? Uphambene, uyabhanxa! Akukho mntu umele kuma imixhadi ke ngoko elandela intetha yobubhanxa bomntu onemibono engekhoyo.

Kambe ke nelungu elo likanyoko limenyezwayo unalo, ukuba akanalo kuphambene lowo umemezayo. Nalapha ke akukabikho sithuko.

Ndingumfundisi weLizwi, ndimemelela ubunyulu nobungcwele nobulunga nkalwana zonke kwintlalo yoluntu emhlabeni.

Ndizala abantwana ndibakhulisela kwinkqubo enjalo, benenyhweba eyongezelweyo ukuba iimfundiso zam bazifumane nasekhaya hayi nje enkonzweni kuphela.

Suka abantwana bam bamithe, bamithise, bagile zonke iintlobo zemikhuba echasene neemfundiso zam nento endiyimeleyo ekuhlaleni. Sesona sithuko ke kum eso, ndithukwa ngabantwana bam.

Ndithatha intombi yomntu izihlelele ngokonwaba nangoxolo nabazali bayo, ndiyenza inkosikazi. Ndiyikhupha ubuntombi ndiyizalise abantwana.

Suka ndiphume ndihambe nditentwa ngamadikazi noonomokhwe abangenantlonipho. Sisithuko eso kwinkosikazi yam. Ebekumele ukuba ndikunanisela yona ndikunika izinja, ndiyihlazisa ekuhleni. Kukwanjalo nasenkosikazini ehamba izandlalisa ngeentswelaboya ezingena mthetho, ihlazisa indoda yayo. Sisithuko eso endodeni yakhe.

Ndingumphathiswa ophezulu kwinkampani endiyisebenzelayo. Ndiphathiswe imicimbi yokusiwa kweenkonzo eluntwini, ekukho phakathi kwalo iimpulazikalujaca.

Endaweni yokusa iinkonzo eluntwini suka mna ndifake kweyam ingxowa. Sisithuko eso kusapho lwam nakubantu abasondele kum, ukudla isonka samahlwempu kubeni ndisamkela imali etshisiweyo.

Ndingunozakuzaku, ndiyokulobolela unyana kammelwana ebukhweni bakhe, ebukhozini bukammelwana. Nam ngokwam ndingumkhozi ebukhozini bukammelwana, iimbeko ezilunge kuye zilunge kum.

Suka mna ndizingxale ngezidlo zezibele zasebukhozini ngendlela ehlazisayo, ndizintyintye ngobhelulomsele ndiyotywe nditshicele esifubeni.

Ndenze izinto ezifihlisa amehlo, ndithethe izinto ezirhawuzelisa iindlebe. Sisithuko eso kunyana kammelwana nakunyana wakhe nakubantu bonke abazana naye, sisithuko nakusapho lwam nakubo bonke abazana nam.

Ndingazikhwaza zibe zininzi ke bethuna izithuko, ndinithuke ndishiye endingasaziyo. Ngaphezu kwenu nise nikhethe ukundibiza ngento endiyiyo okanye nindixoke ze nicinge ukuba ndiyanithuka kanti nini niphambene. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.