Aza konyuka eNtabelanga amaSirayeli

Ulutsha lenkonzo yakwaSirayeli eNtabelanga

Umhla wamashumi amabini anesine kuCanzibe ngumhla obuhlungu kubakhonzi benkonzo yakwaSirayeli (Church of God and Saints of Christ) kuzwelonke nanjengoko ilixesha lokukhumbula amaqhawe wale nkonzo. Ngalo mhla ngo1921, ngamadoda angaphezu kwamakhulu amabini adutyulwa abulawa kule ntaba yaseNtabelanga, ebulawa ethandaza ngamajoni oMzantsi Afrika welo xesha.

Aba yayingabalandeli boMprofeti welo xesha uEnoch Mgijima owathi wasungula inkonzo yakwaSirayeli kule ntaba.

Ngomhla weshumi elinesithoba kuTshazimpuzi ngo1907, uMgijima wabona umbono wakhe wokuqala, nalapho wathi wabona isithunywa saza samxelela oku:

“Ndikuthume kwaba bantu kuba ndixhalabile nangona bendinqula, abathembekanga kunqulo lwabo, ndifuna ukuba undinqule ngokweendlela zakudala,” latsho ilizwi kuMgijima.

Ngenxa yokumisa kwakhe isiseko senkonzo yakwaSirayeli kufutshane nale ntaba, uMgijima wazibona exabana nababephethe ngelo xesha. Enye yeenkokheli zale nkonzo uBishop Mkhuseli Matshoba ucacisa ngokwenzekayo.

“Abantu baphuma kwiimbombo zone zelizwe belandela uMgijima, yakhula inkonzo ngokukhawuleza. Apha eNtabelanga kulapho babedibanela khona abantu, besiza bevela kuzo zonke iindawo,” ucacise watsho uMatshoba.

Amadoda alikhulu elinamashumi amane ananye abanjwa ngale mini ngesityholo sokwenza ubundlobongela nokungathobeli umthetho.

UMatshoba uthi benza esi sikhumbuzo minyaka le ngeenjongo zokugcina imbali yalo Mprofeti logama bekwafundisa abantwana babo ngembali yenkonzo yabo. “Sele kuyiminyaka engamashumi asithoba anesixhenxe senzekayo esi siganeko sokubulawa kwaba bakhonzi, kodwa rhoqo xa sibakhumbula kubangathi sasikho ukwenzeka kwaso, sibuhlungu sona,” uthethe watsho uMatshoba.

Urhulumente wephondo leMpuma Koloni wathiya umasipala wedolophu eziquka iKomani, Hewu, Luthuthu, Tarkastad neMolteno ngegama likaEnoch Mgijima.

“Urhulumente wephondo kwiSebe leMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko, uMasipala wesithili saseChris Hani, uMasipala waseEnoch Mgijima – bayasixhasa. Othethe egameni lomasipala waseChris Hani uThobeka Mqamelo, uthi ngenene bayinxalenye yeenkqubo zokukhunjulwa kwala makholwa.

“Esi sikhumbuzo, nelitye eli lathi lakhiwa phaya yinxalenye yomzila wezinto ezililifa kumasipala wesithili saseChris Hani, ngoko siyazana nale nkqubo,”utshilo uMqamelo.

UEnoch Mgijima ujijisene norhulumente wobandlululo kanye ngexesha elifanayo neli loMprofetikazi uNontetha Nkwenkwe owathi yena waya kuvalelwa, wabhubhela eluvalelweni ePitoli kusithwa ugula ngengqondo kuba ingaziwa into ewayeyithetha. “Abakhonzi abaphuma eKapa, eRhawutini nakwiimbombo zone zeMpuma Koloni baza kubabeyinxalenye yesi sikhumbuzo. Kwiminyaka emithathu ezayo siza kubasisenza isikhumbuzo seminyaka elikhulu senzekayo esi siganeko.

Othethe egameni leSebe leMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, uAndile Nduna, uthi bayinxalenye yala malungiselelo.

UEnoch Mgijima uphakathi kweenkokeli ezathi zanikisa ngenkabi yenkomo kumbutho weANC xa wawusungulwa eBloemfontein.

Kuza kwenziwa iintetho ezifundisa ngembali yale nkonzo, imiboniso nomculo oyinxalenye yentsobi yale nkonzo.