Bakhumbula izidala zabo kwiSixeko seeNgcwele!

tSEPISO nZAYO

XA ubunokunikwa ithuba lokubhalela isidala sakho incwad’ encane ubunokuthini? Mhlawumbi ubunokubalisa ngeemini zenu zobumnandi okanye ubungamyuca ngenxa yokwenzeka phakathi kwenu?

Dear S’dala, eso sisihloko somboniso wamaqhula oza kubaseRhini kwiveki ezayo.

I’solezwe lincokole noTsepiso Nzayo, ongumsunguli nomququzeleli walo mboniso, nosixelele ukuba kudala enomdla wokwazi ukuba abantu bangathini kwizidala zabo xa benokunikwa ithuba.

“Ndiye ndabuzisa, ndeva abantu izinto abanokuzithetha xa benokunikwa elo thuba. Ezinye zintle ngeli xa ezinye zimbi.”

UTsepiso uthi ngobu busuku bazakube besithi ‘Dear S’dala ngendlela ehlekisayo neyonwabisayo, becaphula kumava abo ngezabo izidala.

Uthi ukusuka kuDear S’dala eRhini baza kuphinda benze omnye umboniso othi Breaking News eBhayi.

UDear S’dala uqhubeka ngomhla wokuqala kweyeSilimela/Juni 2018 eKasi Jazz Cafe ( eyayisaziwa njengePholas ). Abanye ekulindeleke babelane ngeqonga naye, besabelana ngamava abo ngezabo izidala – nguLonwabo Xatasi, S’qhazolo kunye noSoso Sigcawu.

“Abantu baza kuva ngezinto ezekhe zabehlela okanye abaziva zibaliswa ngabanye. Iza kubayintsini nolonwabo,” kutsho uTsepiso.

Zifumanele elakho itikiti eKasi Jazz Cafe okanye uthinte uTsepiso ngokumthumelela umyalezo kwiFacebook: @Tsepiso Sathie Nzayo okanye umtsalele ku: 0739661583

Umcimbi uyaqala ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya!