Isibhedlele silahle isigulane!

EKAPA: USAPHO lakwaDuku lucinga ukumangalela isibhedlele iNew Somerset. Basola unyawo lwemfene emva kokuba esi sibhedlele sikhulule ilungu losapho lwabo elixhuzulayo, uMthetho, nofunyenwe kumzi wokugcina izidumbu eSalt River.

Olu sapho belugqiba imizi egcina izidumbu nezibhedlele lukhangela uMthetho Duku wakwaLanga oneminyaka engama47 abamgqibela elayishwa yiambulensi ngelixa wayevukwe sisigulo sakhe ngomhla wesine kule nyanga.

Baxelelwa ukuba wakhululwa xa beyokumbona ngomhla wesithandathu. Sona isibhedlele simile kwelokuba samkhulula kuba ephilile.

Udade kaMthetho, uNonzaliseko Tsholo, uthe bayifumanise ingumnqa le nto ngoba uMthetho sisigulane salapha kwesi sibhedlele kwaye zange wakhululwa bengaziswanga kwaye bebemlanda ngokwabo.

“Nangona singenabungqina, kodwa siyakrokra ungafika ikhona into esiyifihlelwayo yiNew Somerset. Sisigulane sapha esi. Zange yenzeka le nto. Kutheni beza kumkhulula beyazi imeko yakhe? utshilo.

“Saxelelwa ngumntu ophangela pha xa siyokumbona ngomhla wesithandathu, kodwa zange saziswe. Lukhona unyawo lwemfene apha. Qha asiyazi ukuba masiye phi na siyokumangalela isibhedlele. Akanakusuke alahleke nje ubhuti engazange wayenza lo nto.”

Kungokunje bafuna ukwazi ukuba wakhululwa njani bengaziswanga belusapho. “Bangamkhulula njani umntu oxhuzulayo bengalwazisanga usapho? Ayilunganga le nto, ingakumbi kwimeko kaMthetho! Asifuni isibhedlele ukusibonisa imifanekiso yeCCTV ngela xesha wayephuma,” utshilo.

Uthe bagxothwa okwemishologu emva kokuba bafuna ukubona imifanekiso yeCCTV. “Ukuba ukhe ubone xa kukhutshwa izinja endlwini kukho iindwendwe. Kwabanjalo ukukhutshwa kwethu. Wade wabuza omnye ugqirha ‘Isekwa lolu sapho lakwaDuku olu?” utshilo.

Isithethi sesebe lezempilo uBianca Carls uthe uDuku wayengumqabaqaba ngelo xesha wayekhululwa kwaye isibhedlele sasiselungelweni lokumkhulula. Uthe bamgqithisela kwikliniki yakwaLanga ukuze ayokugqibezela khona unyango de aphile. “Usapho lwaziswa ngezo nkcukacha amatyeli amaninzi ngabaphathi neqela elalimnyanga,” utshilo.

UTsholo uthe abalali buthongo behlayo becinga ukuba kazi uphi na umntwana kamama wabo kwaye utya ntoni. “Kusebusika ngoku sithetha ngomntu oxhuzulayo apha.”

Ebuzwa ukuba kutheni bengazange balazise usapho ngelo xesha okanye phambi kokuba akhululwe, uCarls uthe: “Kwakungekho sidingo sokuba baziswe ukuba uyakhululwa ngoba wathi (Mthetho) uphilile. Ndinethemba lokuba baza kumfumana.”

Ukhuthaze usapho ukuba livule ityala, lumangale naseHealth Professions Council of South Africa (HPCSA).

UMthetho uphakathi ngesithomo, wagqityelwa enxibe ikepsi egrey, ihempe elwandle naluhlaza, nebhlukhwe emfutshane yejean neteki ezimnyama namhlophe. Usuku lomngcwabo alukabekwa.