Mvenya: Ikhefu kwanekamva elitsha

UVeliswa Mvenya ngethuba lenkomfa yeDA eyayibanjelwe eMontiUMFANEKISO: OSELUGCINWENI

UVELISWA Mvenya uzihlamba igazi eliluhlaza leDemocratic Alliance kwaye usafuna ukuthabatha ikhefu kwezopolitiko, kodwa xa ebuyela kwakhona, uza kuzibandakanya neqela elitsha, aqhube nomzabalazo wentlalontle eluntwini.

Ngokuphanyaza kweliso, kuyabonakala inzulu ingxaki ebangele ukuba agqibe ngokulishiya eli qela uMvenya (49), owazibandakanya neDA ngonyaka ka2000 ngexesha apho kwakungekho lula ukwenza njalo kubantu abamnyama.

Ngexesha lokuba nguSihlalo wephondo kwiDA, uMvenya wakhulisa iDA kwiindawo zabantu abamnyama, ekwakhuthaza abanye babantu abamnyama ukuba bazibandakanye neli qela.

UMvenya uthi yaba sisigqibo esize emva kokucingisisa into eyabangela ukuba azibandakanye neDA.

“Kwakungonyaka ka1999, apho ndathabatha isigqibo sokuba ndiye kumnxeba wakwaTelkom ndiyokufowunela u1023, apho ndacela khona inombolo yeDemocratic Party (igama leDA ngaphambili). Ndaye ndanikwa inombolo yeofisi kaTrollip, ze ndafowunela uTrollip, apho sagqiba kwelokuba senze idinga lokudibana eWayside eGcuwa, ndamxelela izizathu zokuba ndibe nomdla kulo mbutho,” kutsho uMvenya.

“Ndim owaye sazisa uTrollip kwiindawo zephandle ebelifudula lisaziwa njengeTranskei,” utshilo okaMvenya.

Kodwa lo msebenzi weminyaka ekwishumi elinesibhozo, uvele wajika sele uneyantlukwano phakathi kukaMvenya nezinye iinkokeli zeDA eMpuma Koloni.

Ngethuba lenkomfa yeDA eMpuma Koloni eyayibanjelwe eMonti, uMvenya wabanga ngelithi kukho abantu ababe makhela amayelenqe kulo mbutho.

Ezi yantlukwano ziqhubekile nokukhula, nto leyo ebangele ukuba uMvenya alahle kulo mbutho kwiveki ephelileyo.

“Andikafuni kuthetha ngoyena nobangela wokuba ndilahle kwiDA. Ndisafuna ikhefu okwangoku, ukuze ndijongane nesiqu sam, ndibone ukuba ndithini emva koko,” utshilo uMvenya.

Kwiveki ephelileyo, inkokeli yeDA eMpuma Koloni uNqaba Bhanga uthe: “Kulusizi ukubhengeza incwadi yokulahla kukaNkosikazi Veliswa Mvenya osebenze ngokuzinikela kwiDA iminyaka elishumi elinesibhozo. Siyalibulela igalelo lakhe kwaye uyakuhlala ehleli kwiintliziyo zethu.”