UBongumusa no-Ashworth baphume gqathu kwiCamrades Marathon!

Bongumusa Mthembu wins the 2018 Comrades Marathon during the 2018 Comrades Marathon finish at Moses Mabhida Stadium, Cape Town on 10 June 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

Iimbaleki zehlabathi
bezibuthelene kwiphondo laKwaZulu-Natal kwangoqhiza namhlanje – apho bezikhuphisana
ngamendu kolona gqatso lunembali etyebileyo ekwalilo elinomtsalane kwiimbaleki ezindala nezisakhulayo –
iComrades Marathon. Kulo nyaka umdyarho
weembaleki usuke eMgungundlovu (Pietermaritzburg) usiya kwelikabhanana –
eThekwini (Durban).
Emadodeni kwenzeke imbali ngethuba indoda yaphondo laKwaZulu-Natal, uBongumusa
Mthembu, ephumelela emagqabini isihlandlo sesithathu kwiComrades Marathon. UMthembu, 34, ufike entanjeni ebiseMoses
Mabhida Stadium emva kweeyure ezintlanu ezinemizuzu engamashumi amabini
anesithandathu nemizuzwana (5:26:39).

Amadoda athe
abelekeka kuMthembu aquka igqala loMzantsi Afrika, uDavid Gatebe, uMarko Mambo
welizwe laseZimbabwe no-Erdward Mothibi. Bezikhamana emaxethukeni nasemaqhineni
– kodwa uMthembu uzibonise iinjongo zakhe kwisithuba seshumi elinethoba
leeKhilomitha. Uwashiye amadoda ezizigede emva phambi kokubhala iincwadi
zembali ngokutsha namhlanje eThekwini.

Image may contain: 1 person, playing a sport

Kanti kumanenekazi
ibe ngu-Ann Ashworth walapha eMzantsi Afrika othe waphuma kwindawo yokuqala
namhlanje. Intokazi yakwa-Ashworth ibaleke iiyure ezintandathu ezineshumi
elinesihlanu nemizuzwana (6:15:34). Kwindawo yesibini ibe yenye intokazi
yaseMzantsi Afrika egama linguGerda Steyn kulandele intokazi yaseRassia egama
lingu-Alexandra Morozova. USteyn, intshatsheli yeTwo Oceans Marathon,
noMorozova bazamile ukusukela u-Ashworth – kodwa ngelishwa bawe phantsi
kwiinzame zabo.