Ezimnyama zityikitye iziqwayi zabadlali!

Brilliant Khuzwayo of Kaizer Chiefs celebrates a goal during the Absa Premiership 2017/18 game between Ajax Cape Town and Kaizer Chiefs at Cape Town Stadium on 12 May 2018 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Abaphathi
bamaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League bathe saa iinzwane bekhangela
abadlali nabaqeqeshi ngapha nangapha phambi kokuqala kwesizini entsha. Namhlanje
i-Orlando Pirates ibhengeze amagama weziqwayi zabadlali abasemgangathweni ophezulu
ebatyikityileyo. Kutshanje ikhasi lomnathi elibizwa ngokuba yi-IOL Sport lidize
ukuba iPirates igacele ukutyikitya abadlali abafana neVincent Pule obekade
ejongwe kakhulu yiKaizer Chiefs.

Abadlali
ekulindeleke banxibe imibala yeBucs kwisizini ezayo nguBrilliant Khuzwayo
oshiye iChiefs kutshanje, u-Abel Mabaso, uPaseka Mako noLinda Mntambo basuka
kwiChippa United, uKudakwashe Mahachi usuka kwiGolden Arrows, uMeshack
Maphangule usuka kwiBlack Leopards, uBen Motshwari osuka kwiBidvest Wits
no-Asavela Mbekile obedlalela iMamelodi Sundowns.

       

IPirates
ityikitye ihlokondiba labadlali abatsha ngoba inomsebenzi onzima ekufuneka
iwenzile kunyaka ozayo kwiCaf Champions League emva kokuvala isizini ka-2017/18
ikwindawo yesibini emva kweSundowns. Abalandeli abaninzi bashiyeke bephoxekile
emva kokuba iPirates ingakwazanga ukutyiki u-Andile Jali othathwe yiSundowns
kwiveki ephelileyo.

“Ukuqinisa
iqela yeyona nto ibiphambili kuthi njengokuba silindele isizini enzima.
Sakubuya sipapashe ezinye iinkcukacha phambi kokuvulwa kwesizini entsha.
Abadlali bakuqala amalungiselelo wesizini entsha ngomhla weshumi elinesibhozo
kule nyanga yesiLimela,” utshilo ingxelo ekutshwe yiPirates ngale njikalanga.