Amaqela aseYurophu afolele uPercy Tau

Ivan Rakitic of Barcelona challenged by Percy Tau of Mamelodi Sundowns during the 2018 Mandela Centenary Cup Friendly match between Mamelodi Sundowns and Barcelona at FNB Stadium, Johannesburg on 16 May 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Oyena mdlali
otshisa bhe eMzantsi Afrika usecicini lokuya kudlalela elinye lamaqela
aseYurophu. Zithe tshitshilili iindaba ezithi umdlali weMamelodi Sundowns,
uPercy Tau ufunwa ngamaqela amabini waseNgilane – iBrighton neHove Albion. Bekusoloko kukho amahum-hum ngokuhamba kwalo
mdlali weSundowns emva kokuba ethe wayinceda yaphumelela indebe yePSL yesibhozo
kwisizini egqithileyo afake kuyo amagowuli alishumi elinesithathu. Akuphelelanga
apho ngoba uTau uzuze amawonga aphambili kumsitho wePSL aquka elomdlali
wonyaka, elomdlali ochongwe ngabanye abadlali nelomdlali ofake amagowuli
amaninzi abelene nalo noRodney Ramagalela
wePolokwane City
.

Nangona kungekabikho
nto ecacileyo okwangoku – kodwa iphephandaba laseBrighton ekuthiwa yiThe Argus,
lithi lo mdlali uyafunwa. “Abantu abasemfuthweni wolwazi bathi iSeagulls izama
indlela yokutyikitya lo mdlali waseMzantsi Afrika. Nangona kungekabikho nto
ebekwe etafileni, nayo i-Albion inomdlali wothathela kuyo uPercy Tau,” itshilo
iThe Argus.

UPercy Tau
ngumdlali osezingeni eliphezulu futhi okulungeleyo ukudlalela amaqela amakhulu
eYurophu emva kokuphekwa yenye yeencutshe zabaqeqeshi kweli lizwe – uPitso Mosimane.

Ukuba
ilinge lakhe uTau lokuya phesheya kwelandle liyaphumelela, uya kulandela
uKeagan Dolly odlalela iqela lebhola ekhatywayo laseFrance noBongani Zungu
abaphuma ezandleni zikaPitso Mosimane. Kwisizini edlulileyo, uPercy Tau,
ubonise ubuchule bakhe bokudlala ibhola ekhatywayo kakhulu kwisizini
ephelileyo. Kwimidlalo emininzi udlale kakuhle xa edibene noKhama Billiat
noSibusiso Vilakazi. Omnye umdlali ekulindeleke ahambe kwiSundowns nguBilliat
nangona kungekacaci ukuba uya eYurophu okanye uya kwamanye amaqela amakhulu
amfunayo afana ne-Orlando Pirates neKaizer Chiefs.