AmaWisile atyelele abakhwetha

NgeEnzame zokuthintela izinga eliphezulu lokubhubha kwabakhwetha kweli phondo leMpuma Koloni kwanokusetyenziswa kweziyobisi ngabakhwetha, amadodana ebandla lamaWisile 313 eMonti, amapolisa kwakunye neSebe lezeMpilo batyelele abakhwetha emabhomeni eAmalinda eMonti beyokuthandaza.

Ngokwengxelo ephuma kolilungu lebandla lamaWisile nokwajongene nentlalontle ecaweni uVuyani Myoyo, uthi lisiko lidala into yolwaluko nelingasoze liphelelwe. Uthi kungoko kufanele ukuba likhathalelwe kwaye lixabiseke.

UMyoyo uthi ngaphambili kweli siko kwakungayi makrwala asenonyaka okanye iinyanga ezintathu ephumile emabhomeni, kwakusiya ootata babantwana kwaye namakhankatha ingootata abadala.

“Amakrwala asematsha atyelela abakhwetha, banefuthe elibi kakhulu ebakhwetheni kuba baneemfundiso ezingasi ndawo. Oko kufana nokwenza izinto ezingafanelekanga ukuba zenziwe ngumkhwetha. Ibuhlungu into yokuva umzali ekhala xa ethandaza, esithi umntwana wakhe ubuye etshintshile entabeni engasenaso isimilo,” utshilo uMyoyo.

Uthi iphulo abalithandazelayo kukuba umntwana aye ephila entabeni kwaye abuye ephila.

“Inkwenkwe mayingene inesimilo esihle kwaye iphinde ibuye songezelekile isimilo.”

Uvale ngelithi inkxaso yomzali ingakumbi ongutata emntwaneni ibaluleke kakhulu xa esentabeni.

UMyoyo ukwabethelele into yokuba amakhankatha kufanele ukuba ibe ngamadoda asele emadala kwaye anamava.

UNkosi Mthuthuzeli Makinana kuGompo, phantsi komasipala ombaxa iBuffalo City, uthi yinto entle ethe yenziwa leli bandla.

Uthi bayayincoma nento yokuba iinkonzo zisabele kwikhwelo elahlatywa lisebe lezempilo lokuba ayilo xanduva lomzali womntwana kuphela ukukhathalela umkhwetha, lelomntu wonke ingakumbi abo banamava nolwazi.

Uthi okubalulekileyo kukuba babuye bephila abantwana entabeni.

Isithethi samapolisa kummandla waseAmalinda uKapteni Mluleki Mbi, uthi kubalulekile ukumane behambela abakhwetha ngalo lonke ixesha ukunqanda kokusetyenziswa kweziyobisi kwanolwaphulomthetho.

isibhalo@inl.co.za