Ulwaluko: ingxaki ayilosiko, ngabantu

“Kutheni na le nto ningakwazi ukubhala kakuhle ngolwaluko nizintatheli?” lo ngumbuzo owawusuka kwisithethi selinye isebe xeshikweni kuvulwa iNdlu yeeNkosi kulo nyaka uphelileyo.

Incoko yaqhuba kwacaca ukuba eyona nto ayikhabayo yayingulo mba wokuba amaphephandaba kunye namajelo osasazo asuke agxile kwicala elinye kuphela ngexesha lolwaluko; ukubhubha kwabakhwetha.

Qho kweyeSilimela neyoMnga uyakubona iingxelo ezithi kubhubhe inani elithe ngoku, kwabhubha elithe.

Akukho ziko leendaba elingena nzulu kulo mba ukuze kucace ukuba yintoni kanye kanye ingxaki. Sekukho abantu abagxeka ulwaluko, besithi amakhwenkwe mawasiwe esibhedlele kupheliswe le nto yokubasa eSuthwini.

Uyibona ibhalwe ebusweni boomama qho xa kusithiwa unyana wakhe uyokoluka. Unoloyiko lokuba unyana wakhe angangabuyi.

Ngoba kaloku thina boonondaba sigxininisa umfanekiso wabakhwetha ababhubhayo qho ngonyaka. Kanti akunjalo.

Ingxaki zange yaba lulwaluko. Ingxaki ngabantu. Kwiphepha lesixhenxe kweli sibhala ngengcibi enguMtshayina ekudala ikhangelwa; qho xa kufika eli xesha lonyaka naye unkabi uyazilungiselela abize amakhwenkwe afuna ukoluka. Babhubhe ezandleni zakhe.

Kukho neengcibi ezingooMathafeni xa zibizwa. Ngabantu abasuke bavumbuluke nje bayokolusa amakhwenkwe.

Loo makhwenkwe idla ngokuba ngamakhwenkwe azibayo. Ngokuba eneneni ukuba yonke le nto ibisenziswa ngemvume yomzali nolwazi losapho bekuza kuyiwa kwiingcibi ezaziwayo elalini okanye ekuhlaleni.

Kwa-ikhankatha elo iba ngumntu owaziwayo ngutata womntwana lowo. Ukuba ikhaya alinatata, makucelwe umalume okanye umzala oyindoda onokuncedisa umama lowo, kodwa kuyo yonke into eyenzekayo ingayi yokuzingenela kwaphiphiphi loo nkwenkwe.

Urhulumente naye uyazama ukuvumbulula ezi ‘zikolo zolwaluko’ zingaziwayo. Ingxaki ithande ukuqatsela ngakumbi kwela cala laseO.R. Tambo. Makufundiswe amakhwenkwe ngobungozi bokuziba, kufundiswe abazali ngokukwazi ukukhetha iingcibi kwaye nabani na ekubhubhe abantu ezandleni zakhe makabanjwe.