‘Siza kwenza ngcono kwiPRO 14 kule sizini’

Iqela laseMpuma Koloni lombhoxo ekuphela kwalo elidlala kwiPRO 14, iSouthern Kings, libhabhatizwe ngomlilo kwisizini yalo yokuqala.

Eli qela lizinze eBhayi liphumelele umdlalo omnye qha kwimidlalo engamashumi amabini ananye.

Umdlali weKings, uOliver Zono, ukholelwa kwelokuba ukungaqhelani kwabadlali kuko okuzise iziphumo ezibi kwisizini yabo yokuqala. “Sadibana kwiveki ezimbini phambi kwePRO 14 kwisizini ephelileyo. Sibethwe yilo nto”, itshilo inzalelwane yaseBhofolo.

UZono, 27, uthi likhona ithemba lokuba bangenza ngcono kule sizini. “Iza kufika sizilolonge iiveki ezilithoba kule sizini iPRO 14.

Ndicinga ukuba iza kufika sisazana kakhulu kule sizini, lo nto iza kusinceda ukuba senze ngcono,” uZono utshilo.

Le ndedeba, eqale umbhoxo iselula, ithi ukuzimisela kuko okuyibeke kwinqanaba eliphezulu. “Ndiwudlale ndiselula umbhoxo. Ukuthobela abantu, ukusebenza ngokuzimisela kuko okundibeke kule ndawo ndikuyo. Ngaphandle kosapho lwam, ngendingekho kule ndawo ndikuyo.

Ingakumbi umzala wam uSinovuyo Ganto – owayesakuba ngumdlali wombhoxo kumaqela afana neStomers, iBorder Bulldogs namanye,” utshilo uZono.

UZono ufuna ukuphucula umdlalo wakhe. “Kulo nyaka ndifuna ukuphucula indlela endidlala ngayo, kuninzi ekufuneka ndikulungisile,” utshilo.

Le ndedeba ithi basebenzisana kakhulu bengabadlali baseMonti, utsho ebalula amatyendyana afana noNtabeni Dukisa noLuzuko Vulindlu.

“Sidlale kunye kwiBorder noninzi lwabadlali abakwiKings. Xa ndidinga iingcebiso, ndicetyiswa ngabadlali abafana noDukisa noVulindlu,” utshilo uZono.

UZono ngomnye wabadlali beKings amagama wabo abhengezwe kwinyanga yeSilimela.