Kufunyenwe usana lulahlwe kwikhonteyina!

KUSUKU lwesithathu iqalile iNyanga yamaNina, kufunyanwa imveku esandula kubelekwa ilahlwe kwikhonteyina yokulahla inkukuma kwingingqi yoogobityholo iVlei eSweethome ePhillipi. 


Abasebenzi beprojekthi yokucoca izitalato kula lokishi, bathi bebeqhuba umsebenzi wabo njengesiqhelo ngexa begagana nesi simanga.

UNoluvuyo Sidumo oneminyaka eyi34 ubalisa athi: “Ndithe xa ndisenza umsebenzi wam njengamihla yonke, ndiqokelela inkukuma engekho kwiiplastiki kuba siza kuyifaka ngaphakathi kwikhonteyina, ndibone olu sana lusenenkaba ejingayo lusongelwe ngeqhiya emnyama. Ndothukile kakhulu ukubona kwam, ndakhwaza omnye ugxa wam omdala kunam, bendiqale andaqiniseka ukuba ngumntwana kwade kwafika ugxa wam wandibonisa ukuba ngumntwana oyikwekwe.”
USandisiwe Gxulu ongumhlali kula lokishi uthi: “Ibuhlungu le nto kuba baninzi abantu abadinga abantwana, ebe nokumshiya esibhedlele xa engamfuni umntwana.  Urhulumente wethu uzenzile zonke iindlela zokuba kungakhulelwa umntu ongafuniyo, kucwangciswa mahala, kwaye isisu sikhutshwa mahala, noko akusafanelanga ukuba kusenzeka izinto ezinje.”
USomlomo wamaPolisa ephondweni uKapteni FC Van Wyk, uthi amapolisa avule ityala kwaye kucelwa nabani onolwazi lomntu owenze esi siganeko atsalele amapolisa aseNyanga.