Amakhosi angcwabe iFree State Stars ngamathathu kumdlalo weMTN 8

Dumsani Zuma of Kaizer Chiefs celebrates goal during the 2018 MTN8 football match between Kaizer Chiefs and Free State Stars at Soccer City, Johannesburg on 11 August 2018 ©Gavin Barker/BackpagePix

Amakhosi
ancume olukabhulankethe emva kokungcwaba iFree State Stars ngamagowuli
amathathu onke kwinto engekhoyo (3-0) kumdlalo weMTN 8 obubanjelwe eFNB Stadium
kubusuku banamhlanje. Kuthe qabu kumqeqeshi omtsha uGiovanni Solinas ofumene
impumelelo yakhe yokuqala ukusukela oko efikile kwiKaizer Chiefs. Amagowuli
weChiefs afakwe nguDumisani Zuma kwisiqingatha sokuqala, uLeonard Castro
noKhama Brilliat abawafake kwisigaba sesibini. Le yimpindezelo yaMakhosi
abesantywizisa emva kokubethwa yiFree State Stars kumdlalo weNedbank Cup
kwisizini edlulileyo. Ukubethwa kwalo iqela laseFree State
kuchaza ukutsala nzima kwalo kule sizini ngoba nakwiPSL akaqhubanga kakuhle
kwimidlalo emibini.

Amakhosi
aye kwixesha lokuphumla ekhokela ngegowuli elinye elifakwe nguDumisani Zuma.
Igowuli leChiefs lize emva kwebhola entle edlalwe nguSiphelele Ntshangase
embindini webala, uRamahlwe Mphahlele onikele uJoseph Molangoane obethe indoda
emhlabeni kanozinti phambi kokuninekela uZuma oyibeke ekoneni ibhola. Abadlali
beFree State Stars basemva abafana noNyiko Mobbie noBangaly Keita bathwele
ubunzima ngenxa kaLeonardo Castro noKhama Billiat abebeyinkathazo kakhulu
kwiibhola eziphantsi naphezulu. Amakhosi asilawule isiqingatha sokuqala – kodwa
bekufanele aye kwixesha lokuphumla enamagowuli nokuba mabini. Akukho nto ingako
yenziwe yiFree State Stars ngoba iifolosi zayo bezigadwe kakhulu nguCardoso
obencedisana noSiyabonga Ngezana othathe indawo ka-Erick Mathoho emdlalweni
wanamhlanje.

Kwisigaba
sesibini, Amakhosi athathe apho ayeke khona kwisigaba sokuqala. ULeonardo Castro
ufake igowuli lesibini emva kokufumana ibhola elungiswe ngobuchule nguSiphelele
Ntshangase. Nakubeni iChiefs ibihamba phambili – kodwa yiFree State Stars eye
yathanda ukugunya kwisigaba sesibini. UMolangoana noNtshangase baphume
bengathandanga emdlalweni emva kokonzakaliswa ngabadlali beStars. USthembiso Dlamini
ngomnye wabadlali abazamileyo kwiFree
State
Stars. UKhama Billiat
uphose amathuba amabini sekusondele ixesha lokuphela komdlalo. Emva kwemizuzu
embalwa, uBililiat ude walifumana igowuli lakhe lokuqala kwiChiefs.

Kaizer Chiefs: Virgil Vries, Ramahlwe Mphahlele, Siyabonga
Ngezana, Daniel Cardoso, Siphosakhe Ntiya-ntiya, Joseph Molangoane, Siphelele
Ntshangase, Willard Katsande, Khama Billiat, Dumisani Zuma, Leonard Castro.

Free State Stars: Ali Sangare, Nyiko Mobbie, Bangaly
Keita, Rooi Mahamutsa, Makhehleni Makhaula, Yusuf Jappie, Mpho Maruping, Paulus
Masehe, Sthembiso Dlamini, Harris Tchilimbou, Eleazar Rodgers.