UShitolo uyibhoboze ngemva iPirates enkundleni yayo!

Gladwin Shitolo of Orlando Pirates tackles Gift Motupa of Bidvest Wits during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Bidvest Wits on the 15 August 2018 at Orlando Stadium Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando
Pirates, uMilutin Sredojevic, ucula iculo elinye emva kokubethwa kweqela lakhe
kumdlalo we-Absa Premier Soccer League. Ezimnyama zikhe phantsi isitya sigcwele
emdlalweni ezibethwe kuwo ngegowuli elinye (1-0) yiBidvest Wits kobu busuku e-Orlando
Stadium. Libe linye jwi igowuli emdlalweni, lifakwe nguGladwin Shitolo
ngempazamo kwisiqingatha sesibini somdlalo. Ukubethwa kwePirates kuthetha
ukuthi iphumelele umdlalo omnye kwemithathu, idlale ntanganye komnye yaze
yabethwa kanye. Ngokubethwa kwayo namhlanje iphoswe lithuba lokubamba indawo
yokuqala kwiPSL.

Amakhwenkwe
kaGavin Hunt ahleli kwindawo yokuqala emva kokuqokelela amanqaku alithoba
kwimidlalo emithathu ayidlalileyo. Okuncomekayo kwiWits kukuba ibethe omabini
amaqela amakhulu (Kaizer Chiefs nePirates) isizini isaqala. Lo nto ithetha
ukuthi iziphungulele umthwalo isizini isaqala. Ngaphandle kokuqina ngasemva
nokudlala iibhola zayo eziphezulu, akukho nto ingako eyenziwe yiWits nakubeni
iwuphumelele umdlalo. Bekumeluba iPirates iye kwixesha lokuphumla inkqenkqeza
phambili – kodwa akubanga njalo emva kokuba uJustin Shonga engakwazanga
ukusebenzisa ithuba ejongene ngqo nonozinti weWits – uDarren Keet.

Nakwisigaba
sesibini somdlalo, yiPirates edlale umdlalo ongcono futhi idala namathuba okufaka amagowuli. UVincent Pule,
obekade edlalela iWits, utsale imbumbulu yebhola kwisigaba sesibini enqandwe
yipali. Kanti uMxolisi Macuphu noThamsanqa Gabuza nabo bazamile – kodwa iinzame
zamo aziphumelelanga ngenza yabadlali beWits abavale mba kwade
kwasekugqibeleni. Maninzi amathuba ewafumeneyo iPirates emdlalweni, ingxaki
kuyo ibe kukubeka ibhola emnatheni – into uMicho asoloko ekhala ngayo
emidlalweni yeqela lakhe. Ngoku iBucs iza kulungiselela ukuqubisa
neBloemfontein Celtic kumdlalo ozakube useFree State Stadium.

 

Orlando Pirates: Siyabonga Mpontshane, Gladwin
Shitolo, Happy Jele, Diamond Thopola, Vincent Pule, Ben Motshwari, Xola Mlambo,
Musa Nyatama, Innocent Maela, Justin Shonga, Augustine Mulenga.

Bidvest Wits: Darren Keet, Thulani Hlatshwayo,
Buhle Mkhwanazi,  Robyn Johannes, Sfiso
Hlanti, Deon Hotto, Thabang Monare, Cole Alexander, Terrence Dzvukamanja,
Mxolisi Macuphu, Gift Motupa.