Iphelile indlela yeDowns namhlanje kwiChampions League

Motjeka Madisa of Mamelodi Sundowns challenged by BolajiSakin of Horoya during the 2018 CAF Champions League match between Mamelodi Sundowns and Horoya at the Lucas Moripe Stadium, Atteridgeville on 28 August 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iphupha likaPitso
Mosimane lokugqugqisa izwekazi le-Afrika kwakhona liphelele emoyeni emva kokuba
iMamelodi Sundowns ingakwazanga ukuphumelela namhlanje. IDowns idlale ntanganye
neHoroya ngo’0-0 kumdlalo weCaf Champions League obubanjelwe eLucas Moripe
Stadium. Ukungaphumeleli kweSundowns, eye emdlalweni kunyanzelekile ukuba
ifumane impumelelo, kuthetha ukuthi iphelile indlela yayo kuGroup C. Akothusi
kekambe ukuphuma kwayo iDowns ngoba ayiqhubanga kakuhle kwasekuqaleni
kwimidlalo yeChampions League kulo nyaka. Iyakufumana ithuba lokulungisa izinto
ungaphelanga lo nyaka kwiChampions League kwakhona.

Nakubeni
bekulindeleke ukuba iDowns iyinqwamze iHoroya – kodwa iye yasokola. Abadlali
beHoroya baye emdlalweni bewulungiselele futhi badlalile. Iziqwayi zabadlali
beSundowns abafana noThemba Zwane, uGaston Sirino noJeremy Brockie zizamile ukudala
amathuba – kodwa uKhalidou Ndiaye uvale kwade kwase kugqibeleni. Idlale umdlalo
ophucukileyo iHoroya kwaye noDenis Onyango kuye kwanyanzeleka amatyeli aliqela
ukuba ayihlangule iDowns ebifakwe phantsi koxinizelelo.

Kuyiwe kwixesha
lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. UHlompho Kekana ukhe
wazama ukwenza adume ngazo ebholeni – kodwa iinzame zakhe aziphumelelanga.
USirini noVilakazi bazamile bencediswa nguTebogo Langerman ekunxele – kodwa iibhola
zakhe bezichithwa ngabadlali beHoroya. Ukungena kuka-Anthony Laffor noLebohang
Maboe akwenzanga mahluko emdlalweni ngoba iHoroya itshayele kwanto eshukumayo
phambi kwayo.