Igqirha lomlungu linceda namagqwirha

Igqirha uRabi Thobelithongo UMFANEKISO: Ayanda Ndamane/ African News Agency

“VUMANI bo!” litsho igqirha xa liza kunyanga lowo uzokufuna uncedo kulo, ze lowo ufuna uncedo athi “Siyavuma”.

Amagqirha aziwa engabantu abamnyama abamkela ubizo lwentwaso. Kodwa akunjalo kwivenkile ethengisa amayeza wesintu, iM&R Herbal Healers eDurban Road eBellville. Nangona le venkile igcwele ngamayeza wesintu, umnikazi wayo ligqirha lomlungu, uRabi Thobelithongo.

URabi oneminyaka engama55, yinzalelwane yaseLadismith kwingingqi yaseKlein Karoo kwalapha eNtshona Koloni. Waqala ukuthwasa ngo1996. Waphumelela ukuthwasa waligqirha elivunyiweyo waze wabizwa ngoThobelithongo, ukuvuma intwaso. Ukususela ngoko wayilahla ifani yakowabo, wanguRabi Thobelithongo.

Ebalisela I’solezwe ngebali lakhe lokuthwasa, uthe wabanomdla kumayeza wesintu esakhula. “Ndiyakuthanda ukunyanga abantu. Siyazama ukunyanga izifo zonke, kodwa asiyinyangi ingculaza. Ngamagqirha wobuxoki lawo atshoyo,” utsho uThobelithongo.

Uthe wonke umntu unazo izinyanya qha abanaso bonke isiphiwo sokunxulumana nazo.

Ebuzwa ukuba ngoobani ezakhe izinyanya, uthe: “Andikhumbuli ukuba wonke ubani uyawazi amagama wezinyanya zakhe.”

“Ubugqwirha yinto ekhoyo kwaye ndiyabanceda abantu abathakathwayo. Asibafuni abantu abasebenzisa amalungu wabantu nezilwanyana.”

“Ndathwasa ngo1996. Ndandisoloko ndinomdla kumayeza wesintu nokunyanga abantu. Ayikho into endenza ndizive ndonwabile njengokunyanga nokunceda abantu,” utsho uThobelithongo.

Uthi umane exhela iinkukhu neebhokhwe ezimbini, neenkomo ezimbini ngamaxesha athile. “UThobelithongo ligama endalinikwa ngutatomkhulu wam. Walifumana emaphupheni. Ndikwabizwa ngokuba ndinguMvolofu omhlophe (White Wolf),” uzichaza utsho uThobelithongo.

Uthi bazithumela ezibhedlele izigulane abangakwaziyo ukuzinyanga. “Nazo izibhedlele zithumele izigulane ezininzi ebezisecicini lokufa kuthi kule minyaka idlulileyo. Kodwa akekho nomnye onogawulayo esakhe samnyanga. Kodwa sinazo thina banyanga ngamayeza wesintu iziphumo ezihle kwabo bagula ngumhlaza,” utsho uThobelithongo.

Ukholelwa ukuba banganikwa ithuba bathathelwe ingqalelo, bangenza umahluko omkhulu njengabo bafundele ukunyanga. “Igama lethu lingcoliswa ngaba bagqithisa amaxwebhu ezitalatweni bezenza izangoma ezinceda abantu. Ngamagqirha womgunyathi lawo. Abanazo nkqu neendawo zokusebenzela ezinedilesi njengathi,” utsho.

Kwivenkile yakhe kuzele ziindidi zamayeza wesintu usangena emnyango. Kwenyukwa ngezitephusi xa kusiyiwa apho axilongela khona. Kukho iishelufa ezininzi ezinamayeza, amanye asezibhotileni. Kuthe sa iimfele zezilwanyana. Kumnyama kukhanyiswa ngekhandlela. Nkqu netafile yakhe yombathiswe ngamafele ezilwanyana.