Uhlawuliswe iR5 000 kodwa zange afundiswe ukuqhuba!

LIGQEJWE elingophiyo ibhinqa laseBrooklyn, eKapa, elityhola isikolo sokuqhuba ngokumhlawulisa iR5 000, kodwa akafumana nezo mpepha, akafundiswa kwaukuqhuba oko.

UMandisa Mali oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe uthi wacetyiswa ngumhlobo wakhe kwinyanga yeSilimela kunyaka ophelileyo ukuba makayokubhalisela ukuqhuba kwisikolo esibizwa ngeSthera’s Driving School eLower Crossroads.

Uthi waxelelwa ukuba makahlawule imali engange R5 000 kodwa zange afundiswe nakanye ukuqhuba. Ukugalela ityuwa enxebeni, suka umphathi wale ndawo wamthengisela iimpepha zokuqhuba zomgunyathi.

UMali uthi ngokwesivumelwano, le R5 000 yayiquka izifundo zokuqhuba ezingamashumi amabini, ukuqasha imoto aza kufundiswa ngayo ukuqhuba kwaneempepha zakhe zokuqhuba.

“Ndasebenzisa imali endandigalelelwe ngayo kuba ndandiyingxamele le layisenisi nanjengoko yayiza kuphucula iCV yam,” utsho.

UMali uthi waqala umnqwazi wakhe ukungaqini xa uSthera, okwangumphathi wesi sikolo, esithi mabenze idinga eAtlantis Traffic Department.

“Wathi kufuneka siqale ngokwenza idinga ze ukusuka apho sibone ukuba ndiza kudinga ukufundiswa kangaphi ukuqhuba. Ndandiza kuqala kweyeKhala ngokutsho kwakhe. Lwadlula olo suku, emva koko kwalandela izizathu ezingavakaliyo, esithi masibhalisele olunye usuku. Wayeqinisekile (uSthera) ukuba kunyanzelekile ukuba ndifundiselwe eAtlantis kuba esithi azikho iikhamera phaya eyadini,” utyhola ngelitshoyo.

Uthi baphinda babeka olunye usuku lokuqhuba kweyoMsintsi.

“Ndaya ndedwa eAtlantis zange afike uSthera. Ndathi xa ndiphinda ndimbona ndambuza ukuba kuqhubeka ntoni nanjengoko ndingazange ndafundiswa ukuqhuba ngokwezigqibo. Wasuka waxolisa esithi akakwazanga ukufumana umntu oza kundiqhubela ukuze mna ndithathe ngokufumana amaphepha wokuqhuba.”

Uthi kwangoko wafuna imali yakhe kusakucaca ukuba uza kubanamaphepha okuqhuba engakwazi. “Ndinganamaphepha njani ndibe ndingakwazi ukuqhuba?” utsho uMali.

Uthi ngoku, uSthera uyambaleka kwaye akaphenduli neminxeba yakhe. UMali uthi eyona nto ibuhlungu kukuba abukho ubungqina bokuba wayibhatala le mali. “Azikho iirisiti ezitshoyo. Yaziwa ndim netshomi yam ukuba wabhatalwa.”

USthera uziphikile ezi zityholo. “Andimtyali mali mna. Wathi (uMali) uyayeka xa kwakufuneka ezokuqhuba. Kwakufanele ndenze ntoni? Abantu bayahlanya, mabaye ezinkundleni, mna ndasibhalisa ngokusemthethweni isikolo sam,” utshilo uSthera ongazichazanga ifani yakhe.