Malusi Gigaba: Umboniso wesondo ziinzame zokunditshabalalisa

UMphathiswa weMicimbi yezeKhaya, uMalusi Gigaba, uthi ividiyo equlethe umboniso wesondo ejikeleza kwikhasi likaTwitter neyabiwa ngethuba kuhekhwa imfonomfono yakhe ngo2016/2017, isetyenziswa ngelizama ukumtshabalalisa kwaye kunjalonje ijikeleza koosopolitiki.

 

Kwimibhalo ayixhome kuTwitter ngale ntsasa (yeCawe), uGigaba udize  ukuba  le vidiyo kuqala yasetyenziswa ukumtshabalalisa ngethuba eqashwa njengoMphathiswa wezeziMali ngeyoKwindla ku2017.

Uthi ngoko oku wakuchaza kwabasemagunyeni.

 

Ngoku le vidiyo iphinde yathi thu! –kwaye ngoku ijikeleza koosopolitiki.

UGigaba ungxengxezile kusapho lwakhe ziintloni ezinokubangelwa yile vidiyo xa ifikelela emehlweni yalo, esithi “ yayenzelwe amehlo wakhe nowakwakhe kuphela.”

 

UGigaba uthi lo mba uwudlulisele kwabangasentla ukuze bawuphande.

 

Le vidiyo ngoku sele ibonwa kumakhasi onxibelelwano !