Ezifikayo: 2018 BMW X4

Kule nyanga idlulileyo, besathulelwe i-BMW X4 entsha. Eli luhlobo lwe-Sport Activity Vehicle elubumbo lwe-coupe xa uyijongela ecaleni nangasemva.

Yenzelwe abo bafuna uhlobo lwe-X3 kodwa ngaxeshanye bafuna istayile xa beyijonga ngaphandle.

Ukusukela ngo2013, isizukulwana sokuqala se-X4 sithengise ngaphaya kwe-200 000 yemizekelo ilizwe jikelele. Oku kubonisa ukuba yintandane kwabo banentlahla yokufikelela kula maxabiso.

Kule X4 intsha kuninzi okutshintshileyo, kodwa ubumbo lusafana. Njengoba i-X3 isakhiwa kumzimveliso wakwa-BMW apha ePitoli, i-X4 yona yakhiwa eSpartanburg eMntla-Melika.

Kwezifumaneka apha eMzantsi ii-X4, kukho iintlobo zenjini ezintathu ukusukela ekupheleni kweyoMsintsi.

Kukho i-2.0 litre 4-cylinder turbodiesel ena-140kW/400Nm, inxulumanisa onke amavili nge-8-speed automatic ukuze irhabule 5.6lt/100km kuphela. Ithembisa ukusuka emgceni ukuya ku-100km/* ngemizuzwana ye-8secs, isantya esiphezulu esingange-213km/* .

Kwezepetroli kukho i-2.0 litre 4-cylinder turbopetrol ena-135kW/290Nm ene-8-speed automatic, ifika ku-100km/* nge-8.3secs, iyotsho ku215km/* isantya esiphezulu. Irhabula 7.8lt/100km kwithontsi.

Xa ixabiso lepetroli lingeyonkathazo kuwe, ikhona iM40i ena265kW/500Nm egwinya 9.2lt/100km. I-4.8secs yanele ukuswantsula ukuyotsho ku100km/* , ze inqandwe yikhompyutha ingadluli ku250km/* .

Zontathu iintlobo ze-X4 zifumaneka neM Sport suspension. Oku kunika i-X4 entsha italente yokubambelela emagopheni, kodwa ibe ingaqinanga ezigingqini kwiindlela ezimbi.

Ukuba uyafuna, ungakhetha i-adaptive suspension eyangeza ubuntofo kodwa itshintshe izilungiselele ukuvakala okwe-sports car xa uziva ufuna ukuqhuba ngobundlobongela.

Ithe ukunona i-X4 entsha xa ithelekiswa naleyo indala, kodwa ikhaphu-khaphu nge-50kg esikalini.

I-wheelbase yande nge-54mm, okunika isithuba esibhetele ngaphakathi kwabo bahleli ngasemva. Nasebhutini isiziba singange-525 litre ngoku, okanye 1430 litre xa usonge izitulo zangasemva.

Ngaphambili kuyafana nqwa nakwi-X3. I-iDrive system yakwaBMW iza ne-6.5 inch infotainment screen. Bluetooth, Aux ne-USB zikhona, kodwa ungongeza iiUSB nangasemva.

Okufumaneka zisaqala lufele kwiimpondo zokuqhuba nakwizitulo, ucango lwasebhuthini olusebenza ngombane, ambient lighting ngaphakathi, electronic hand-brake, cruise control ezithobayo isantya xa kukho enye imoto endleleni, ne-3-zone climate control.

Sifumene ithuba lokuqhuba i-xDrive20i ne-M40i kumadlelo embindini waKwaZulu-Natal. Ubuntofo obufumaneka apha kwi-X4 abuphikiswa.

Ungakhangela kwezo zifana neeMercedes Benz GLC, Alfa Romeo Stelvio, Porsche Macan neRange Rover Velar, kodwa uzofumana ukuba ixabiso le-X4 lizokuncumisa bhetele kunazo zonke ezi.

Xa siye safumana ithuba lokuvavanya iBMW X4 ithutyana elide kunale mini inye, sizonabisa nangakumbi iingcinga zethu ngalo mnyobo womgrugra.

Amaxabiso:

X4 xDrive20d – R846 542

X4 xDrive20d M Sport – R891 442

X4 xDrive20d M Sport X – R891 442

X4 xDrive20i – R850 337

X4 xDrive20i M Sport – R895 237

X4 xDrive20i M Sport X – R895 237

X4 M40i – R1 144 185

Silandele ku-Twitter ku-@ilisolezwe, ku-Facebook ku-Ilisolezwe, nentatheli yethu kuInstagram ku-@dozerdrives.