Bayakhala abasebenzi bakaMasipala eBhayi

Sibolekiswa iimali ezizalayo sikwatsityiswa neengcingo nguMasipala waseNelson Mandela.

Oku kuvakele ngethuba abasebenzi abasebenza ngengqesho engesosigxina kulo masipala bebambe uqhankqalazo phambi kwesakhiwo salo masipala esaziwa ngokuba yiLillian Diedericks ngoLwesibini .

Aba basebenzi bebexhentsa kule ndawo bekhalazela iimeko ezimaxongo abasebenza phantsi kwazo, bekwabanga ukuvunywa kombutho wabasebenzi owaziwa ngokuba yiDemocratic Municipal and Allied Workers Union (DEMAWUSA) nabangamalungu awo ukuba usebenze ngokusesikweni ubaxoxela izinto zabo nomasipala.

OnguSekela-Sihlalo kulo mbutho uZoleka Sidlabane uthe la malungu abesenza uqhankqalazo asebenza njengabacoci, abo bahla benyuka ezilokishini befunda iimitha zamanzi emakhayeni, oonogada bakamasipala, nabasindisibomi abasebenza kwiilwandle namadama ale ndawo.

Uhambise wathi ezona njongo zinkulu zokuba babe lapho kukuvakalisa ilizwi labo nokushiya umyalezo kwibhunga ledolophu eliza kuhlala kwiintsuku ezimbalwa ezizayo ukuba libabandakanye kwiingxoxo ezimalunga nohlahlo lwabiwomali oluza kube ingumba ophambili kwizinto eziza kuphunyezwa apho kulo ntlanganiso.

Uthe ukuqeshwa kwabanye oonogada ababekade besebenza phantsi kweekhotrakhti akubaxolisi kuba ibe yinto ethethwa nje ngomlomo kungekho kutyikitywa kwamaphepha okuqeshwa isigxina.

“Lo nto ke ithetha ukuthi lowo ngunomgogwana nje, ayiqhutywanga ngendlela eyiyo yonke le nto,” utshilo uSidlabane.

UThemba Millans ongumfundi weemitha yena uthe basebenza phantsi kweemeko eziyingozi njengoko besiba zizisulu zokuleqwa nokutyiwa zizinja bekhuthuzwa nokukhuthuzwa.

“Kuthiwa masitsibe ucingo ukuba sifike emzini kungekho bantu, masihlawule izixhobo zokusebenza xa sikhuthuziwe,” utshilo.

Uthe lo ngunyaka weshumi elinethoba ekulo msebenzi ezikhwelela ukusuka ekhaya ukuya emsebenzini nokusuka eofisini esiya kwenza umsebenzi wakhe esamkela umvuzo oyiR1400. 00 ngenyanga.