Commitis: uBenni ufuna indebe yePSL

Kuye kwathi tshitshilili iindaba ezithi iKaizer Chiefs ifuna ukwenza uBenni McCarthy umqeqeshi wayo emva kokuvala isizini iphaca.

Usihlalo weCape Town City, uJohn Commitis, uthe ziindaba ezingachanekanga ezo ngoba uMcCarthy uzimisele ukunceda iqela lakhe liphumelele indebe yeAbsa Premier Soccer League phambi kokuya kwezinye iindawo.

UMcCarthy uncede iCity yaphumelela indebe yeMTN 8 kwisizini yakhe yesibini njengomqeqeshi kwiPSL.

“UBenni wathi ufuna indebe yePSL esengumqeqeshi wethu phambi kokukhangela amadlelo aluhlaza. Okwethu ngoku kukuqinisekisa okokuba senza umsebenzi ophucukileyo kwisizini elandelayo,” utshilo uCommitis ethetha neKickOff.

Kunokwenzeka Amakhosi amgxothe uErnst Middendorp emva kokuba evale isizini kwindawo yesithoba.