UNoteksi ufuna iR4 400 yakhe kwiEFF

Iqela le-EFF ngethuba libhiyozela iminyaka emihlanu eSisa Dukashe Stadium eMonti.umfanekiso: Abongile Ginya

Umnini weeteksi waseRaymond Mhlaba uthi sele waphelelwa lithemba lokuba iEFF iyakuze iyihlawule kusini na imali yakhe yokuthutha abantu besiya kwimibhiyozo yeEFF eMdantsane nyakenye, esithi oku kumenza awujonge “ngenye indlela” lo mbutho.

UThamsanqa Canda, ophantsi kombutho Uncedo Service Taxi Association, uthi wafowunelwa buphuthuphuthu kusasa ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyeKhala nyakenye kusithiwa ibhasi yokukhwelisa abalandeli beEFF baseRaymond igcwele, ngoko ke kufuneka iiteksi.

Aba balandeli babesiya eSisa Dukashe eMdantsane beyokubhiyozela ukugqiba iminyaka emihlanu yasekwayo iEFF.

UCanda wakhupha iteksi kwakunye neAvanza, ukuthutha abalandeli beEFF ukusuka eAdelaide ukuya eMdantsane nokuphinda abaphindisele eAdelaide, ngethemba lokuba uza kuhlawulwa le mali (R4 400) xa efike ebaleni eSisa Dukashe.

Kodwa ilungu leEFF laseRaymond Mhlaba, elalicelwe ukuba lilungise izithuthi zokuthutha abantu lithi akazange ahlawulwe uCanda la mhla wombhiyozo.

“Ndafowunela uCommissar Fana Mokoena kuba nguye owayethe mandongeze iiteksi. Ngethuba sasisebaleni uCommissar Mokoena wathi uleqise umntu esibhedlele eMonti waphela engahlawulwanga uCanda.

“Emva kweentsuku ndaphinda ndawulandelela lo mba ndibuza nakusihlalo wephondo uCommissar Yazini (Tetyana), kodwa andizange ndiphumelele. Into evele yenzeka kukuxhaywa kuWhatsApp nguTetyana.

“Ndizamile ukufowunela uSekela Mongameli uFloyd (Shivambu) de ndenza iinzame zokuba ndiyomxelela ngethuba etyelele eGcuwa kodwa akazange ahlawulwe uCanda, noxa nje uFloyd wayethembisile. Saphinda samxelela uFloyd etyelele eRaymond Mhlaba kodwa akazange ahlawulwe,” kutsho eli lungu leEFF laseRaymond Mhlaba.

UCanda uthi ngamatyeli ngamatyeli ethumela amaxwebhu okuhlawulwa (invoice) kubantu beEFF kodwa ngaphandle kwempumelelo.

“Nangoku ufowunayo (ebhekisa kwintatheli yephephandaba I’solezwe) ndicinga ukuba uza kuthi mandithumele i-invoice, futhi bendiza kukuxelela ukuba andiphindi ndenze lo nto,” kutsho uCanda.

UCanda uthi ngenxa yesi senzo, iEFF uyijonga “ngenye indlela”. “Kucacile ukuba abayiyo le nto bathi bayiyo. Ixesha elide kangaka ndilinde ukuhlawulwa imali,” kutsho uCanda.

Usihlalo weEFF eMpuma Koloni uYazini Tetyana akafumanekanga ukuphefumla noxa ebewufumene umyalezo wefowuni obewuthunyelwe leli phephandaba. Iinzame zokutsalela uTetyana, ngoLwesibini nayizolo, ziwe phantsi engawubambi umnxeba.