Indlela ekusa kwimpumelelo iba mxinwa

ULoyiso Mdebuka usingathe iintetha ezikhuthaza ukuphila impilo engcono edlana iindlebe noPastor The DJ woMhlobo kunye noVatiswa Ndara ongumdlali weqonga kumabonakude umfanekiso: Yolande Feni

Ibhanki iCapitec kwiphulo layo lokunika abemi beli iinkonzo zokubhanka ezingcono iye yasungula I-Live Better Talks – nalapho oongqondonye baye bahlanganiswa egumbini elinye ngenjongo yokuba bakhuthazane ngokuphila ubom obungcono, baphinde bacaphulelane ubulumko ngezoshishino nezinye izinto umntu aye ahlangane nazo xa eleqa iphupha lakhe.

Kwezi ntetha ebezibanjelwe kwikhaya lokungcakaza laseMthatha kwisakhiwo sevenkile ezininzi iBT Ngebs iMayfair (Casino) ngoLwesine weveki ephelileyo nebe zisingathwe ngumsasazi wesikhululu sikanomathotholo i5FM uLoyiso “DJ Loyd” Mdebuka nalapho ebethetha noosaziwayo ababini kumaqonga osasazo abazinzalelwane zephondo iMpuma Kapa.

“Xa sipapasha ezi ntetha siye sikhankanye okokuba zezenkuthazo, ubani nabani uthi angene ngala mnyango eqhutywa yinto yokuba efuna ukubona utshintsho okanye afumane inkuthazo ebomini bakhe,” utshilo uMdebuka ecacisa intsingiselo yokusetyenziswa kwamagama athi “ukuhlanganiswa koongqondonye egumbini elinye.”

Uthi xa abantu bethe bazihlupha ngokuza kwezi ntetha kungokuba bebona ukuba ikhona into abanokuthi bafunde ngayo ngebali laloo mntu omenyiweyo ngaloo mini.

“Wonke umntu oze apha uye alifumane ithuba lodliwanondlebe nawo wonke umntu olapha. Umntu angabuza umbuzo okanye abalise lo nto afuna uyibalisa, into efunekayo yinto yokuba aphume enomdla kwaye eyifumene inkuthazo yokuba iphupha alincanywa qha liyancekelelwa,” utshilo lo kaMdebuka.

Oyinzalelwane yalapha eMthatha uVatiswa Ndara, ozenzele igama ngokufunda iindaba zikanomathotholo aphinde abe ngumdlali kumabonakude, uthe yena xa exelela abantu ngebali lakhe kufuneka bayazi into yokuba ukubetheka yinxalenye yokuleqa iphupha.

“Mna ndiyakwazi ukubetheka, kudala ndibetheka ndisiwa ngenyheke phantsi, ndivuke ndizilingise ndibe pha,” utshilo uNdara.

Uthi ngokokwakhe angathanda xa wonke umntu enokukhe abufumane ubunzima phambi kokuba aphumelele.

“Xa into ilula iba nobungozi. Xa uyilwele uye ufune uyikhulisa nangakumbi, mna ekuweni kwam ndivuka; ndifunde nto. Ukubetheka kwam kuye kwandixhobisa ngento yokuba ndikwazi ukuyimela into yam, bendinguphuma silwe ndingakwazi ukuzithethelela,” utshilo lo kaNdara.

Wongeze wathi uyayibulela inkxaso ayifumana ebantwini abamlandelayo kumaqonga onxibelelwano jikelele.

“Xa uzingqonge nabantu abomeleleyo ebomini awukwazi ukuyikhetha into yokunikezela ekubethekeni. Umama wam nabantu abakumaqonga onxibelelwano am bandikhuthaze kakhulu ngokumane besithi ‘ndisendleni eya empumelelweni’ mandinyamezele.’

“Ndiyayibulela lo nto ngoba indenze lovmntu ndinguye namhlanje nanjengoko ndiye ndabhala incwadi,” wongezile uNdara.

Eyona nto ibithetheka ngala mini ibiyinto yokokuba umntu oyaziyo into ayifunayo apha ebomini kufuneka efunde ukulinesa iphupha ngokuba ancekelele kuloo ndlela emsa ekulifezekiseni nokuba imxinwa kanjani.

Oku kuye kwangqineka ngethuba intandane yabaphulaphuli boMhlobo Wenene uPhiwe ‘Pastor The DJ’ Nozewu ekudliwanondlebe nomsingathi wezi ntetha, umfo kaMdebuka yena oyinzalelwane yaseKapa.

“Ndikhule ekhaya ingumama qha umntu obethanda ukumamela unomathotholo, mna bendingamhoyanga qha ndithe ngokuye ndikhula ndanothando lomculo ngose ndibone ukuba ukufaka ezintweni. Esikolweni bekungqongwa idesika yam ngexesha lokudlala kuzokumanyelwa amakhasethi am,” utshilo uNozewu.

Uthi uthe asokuqaphela okokuba umculo ufuyiwe kwisikhululo sikanomathotholo waqale wanomdla wokusebenza kuwo ngoba efuna umculo lo wabo.

“Khange kube lula ukufika apha ngoba ndithe xa ndenza ibanga leshumi ndenza yonke into ndabe sendifake nesicelo sokufunda eKapa. Kodwa khange kubenjalo ngoba kwathi xa kubuya iziphumo zebanga leshumi ndiphumelele wathi umama wam akanamali,” utshilo uNozewu.

Uthi yamothusa lo nto kuba lonke ixesha ebeba bame kakuhle kowabo.

“Kwanyanzeleka ndihlale nje ekhaya nto leyo endakhawuleza ndayilwa ngoba ndabona ayiyoyam le yokuhlala nje elokishini. Ndathetha nomama ndimcacisela nge-arhente zabadlali boomabonakude,” utsho uNozewu.

Uthi waya eRhawutini wafumana umsebenzi omnye epolisha izihlangu kwintengiso kamabonakude, mali leyo awaye wayibekela ukufunda.

“Ukugqiba kwam ukufunda ndasebenza iminyaka emibini ndingarholiswa kodwa ndisiya rhoqo,” utshilo uNozewu.

Abanye oosaziwayo ebekhe bamenywa kwezi ntetha baquka uSibusiso “DJ Sbu” Leope kunye noMinnie Dlamini-Jones.