Iindawo ezisixhenxe ezinokutsala abakhenkethi

Umzi kaNjingalwazi DDT Jabavu eXesi UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

ALUKHO ukhenketho ngaphandle kweendawo zokhenketho. Iindawo zokhenketho zinika umdla, hayi ngenxa yokuba izezo ndawo, kodwa ngenxa yokuba ziindawo ezikhethekileyo ezadalwa nguMdali.

Cinga ngeNtaba yeTafile eKapa, ucinge ngala mngxunya usedongeni (Hole in the Wall) kulwandle lwaseXhorha okanye loo mahlathi aseTsitsikama. Zonke ezi ziindawo zezendalo ezitsala abakhenkethi ngenxa yeentshukumo ezenziwa kuzo.

Zininzi iindawo ezinomtsalane eMpuma Koloni ebezingatsala abakhenkethi ukuba bekukho iintshukumo kuzo okanye ukuba abasemagunyeni bebenokwenza amatiletile okwenza kubekho iintshukumo.

Apha ngezantsi sizama ukuqaqambisa iindawo ezinomtsalane kubantu beli phondo, kodwa ezingasetyenziswayo ukungenisa kwinxili yephondo ngokwezoqoqosho. Okanye masithi iindawo ezinganomtsalane xa zinokuthengiswa eluntwini.

Amabele entombi kuMabelentombi kuNgqwarhu eCofimvaba: Ezi ntaba zilibhongo neqhayiya kwaye zitsala umdla eluntwini. Abantu abadlula ngendlela kwezi ntaba bathatha imifanekiso into ethetha ukuba zinomdla, kodwa nkqi ukusetyenziswa ukurhwebesha abakhenkethi.

Iingxangxasi zaseBawa eGcuwa: Zikubude beemitha ezilikhulu elinesithathu kwaye zinembali kuba kulapho imfazwe yokugqibela kwezaseMpuma Koloni, ngexesha lengcinezelo, yathi yalwelwa khona.

Idama laseXilinxa eNgqamakhwe: Eli lelinye lamadama amakhulu kwisithili saseAmathole. Liyabukeleka kakhulu xa amanzi walo egcwele. Kutheni kungenokutsalwa abakhenkethi ngeentshukumo kulo njengokuba kusenziwa kwidama laseGariep okanye eliseMthatha?

Iliwa lamaxhalanga kuMsikithi eDutywa: Kubathandi bezendalo, nali iliwa lihlala amaxhalanga. Alithanda kunene kwaye yiminyaka ehlala apha. Siyayazi ukuba amaxhalanga aphantsi kokucutheka ehlabathini. Ngoko le ibinoba yindawo yokutsala abakhenkethi bazokuzibonela njengokuba besenza kwezinye iindawo zemiyezo ephantsi kolawulo.

Ikhaya lika-AC Jordan eMbokothwana kuTsolo: Umbhali nesifundiswa, owasizobela Ingqumbo Yeminyanya isekezelwe kwezo lali zamaMpondomise, kodwa asokuze ubone kwanto ethethisa ngela khaya xa kuthethwa ngokungamafa esizwe.

Indlu kaNjingalwazi Davidson Don Tengo Jabavu: Ikumgama ongephi xa usuka kwidolophana yaseXesi. UNjingalwazi DDT Jabavu (1885-1959), njengoko esaziwa, sisifundiswa kwanosopolitiki. Ukusungulwa kweYunivesithi iFort Hare ngonyaka ka1916, uJabavu wayengomnye wabahlohli ababini abaqala ukusebenza kweli zikomfundo.

Ingcwaba likaNkosi Jongumsobomvu Maqoma kuQoboqobo: UNkosi Maqoma wabhubhela eRobben Island ngo1873 emva kokubanjwa kulandela ukuchasana kwakhe nenkqubo yocalucalulo. Amathambo akhe alandwa ngurhulumente wephandle laseCiskei emva kokuvunyiswa yimboni yaseUgie uCharity Sonandi.