UMatiti noNtuthu balwa ngoYanga Sigqibo

Abathelekisi ababini uAyanda Matiti noTerris Ntuthu babangisana ngoYanga Sigqibo abathi unesivumelwano nabo bobabini Umfanekiso: Bheki Radebe/ANA

Liyaxoxisa ikamva likaYanga Sigqibo emanqindini. USigqibo ungundabamlonyeni emva kokushiya iXaba Promotions ekhokelwa nguAyanda Matiti wayozimanya neRumble Africa Promotions kaTerris Ntuthu.

Bobabini abathelekisi bathi uSigqibo unesivumelwano sengqesho neenkampani zabo. UMatiti utyhola umanejala kaSigqibo uLonwabo “Lonkie” Witbooi ngokukhuthaza imbethimanqindi ukuze iyishiye iXaba Promotions.

“USigqibo untyontyelwe nguLonkie ukuze asishiye emva kokuba ndivakalise ukungoneliseki kwam ngumsebenzi wakhe uWitbooi. Usenesivumelwano sengqesho neXPE uSigqibo, kwaye siza kumlwisa kwamsinyane. Isivumelwano sengqesho sakhe nathi siphela kunyaka ozayo (2020),” utshilo uMatiti kuMhlobo Wenene.

Kanti yona ingqonyela yeRAP, uTerris Ntuthu, uthi ngokomthetho wamanqindi eMzantsi Afrika, akuvumelekanga ukuba imbethimanqindi ibe nesivumelwano sengqesho esingaphezu kweminyaka emibini kunye nomzi wabaququzeleli. “Singabaququzeleli sizihlaziya qho ekupheleni konyaka iincwadi ezisivumela ukusebenza kwethu.

Ayikwazi ukuba nesivumelwano sengqesho seminyaka emibini imbethimanqindi.

USigqibo yimbethimanqindi yeRAP ngoku, futhi siza kumlwisa kwamsinyane,” utshilo uNtuthu othi emva kokuba inkampani yakhe ityikitye uSigqibo, uMatiti wazama ukumtyikityisa esinye isivumelwano sengqesho.

“Ukuba ebenaso nyhani isivumelwano sengqesho noSigqibo, yintoni emnyanzelise ukuba ayomtyikityisa esinye ebusuku?,” ubuzile uNtuthu.

“Kudala zemka iimbethimanqindi kuthi kodwa zange satyhola mntu okanye sithi sithakathiwe. Simkelwe nguAyanda Ndulani esiya kwiXPE, khange siyikhalele lo nto. Sihlala sizixelela iimbethimanqindi ukuba azonwabanga kwaRAP, umnyango uvulekile ziye naphi apho zifuna ukuya khona,” utshilo uNtuthu othe nezinye iimbethimanqindi ziza kulandela ekhondweni likaAzinga Fuzile okulindeleke okokuba angquzulane noShakvat Rakhimiv kumlo okwiiveki ezizayo.

“USigqibo, uLudumo Lamati noSive Nontshinga nabo baza kulwela imilo eza kubasa kwintshinga yehlabathi njengoAzinga,” utshilo uNtuthu.