‘Masohlukane nokukhuthaza amanina anyamezele emzini’

“Masiphume boomama emitshatweni esivisa ubuhlungu. Kwaye ndiyacela siyiyeke nale yokuba sihlale emitshatweni kungemnandanga kuba sisithi sinyamezelele abantwana bethu. Siyabonzakalisa abantwana ngokuba bayabukela xa sibethwa ngabayeni kwaye ingabaphathi kakuhle lo nto.” Lawo ngamazwi wenkokheli yeCOSATU kuzwelonke uZingiswa Losi ngethuba ekwinginginya ebizimase umngcwabo wenkosikazi eyintshatsheli emanqindini ekwangumdlali weKarati uLeighandre “Baby Lee” Jegels eCity Hall eMonti.

ULosi uthi nabangekho mitshatweni kodwa babe benamaqabane mabaphume xa bebona ukuba izinto azisafani nakuqala kungade konakale.

Ukwanqonqozise nokuba mayiphele into yokukhuthazwa koomakoti xa befika emizini bexelelwa ngokuba kuyanyanyezelwa kuba oko kuye kukhokelele ukuba umntu ade ayokungena ebhokisini ngenxa yokunyamezela ukuxhatshazwa.

ULosi uthi inyanga yamanina edlulileyo iphele kakubi kwaye kabuhlungu kubulawa amanina.

Uthi ngoku kunyanzelekile ukuba isizwe soMzantsi Afrika siphakame ingakumbi nakwiindawo uluntu oluhlala kuzo

“ Masingabukeli, singavali iindlebe, singavali mehlo sibona kuxhatshazwa umntu obhinqileyo okanye umntwana. Sikhule thina sisisizwe esimnyama, xa ubona umntu ongangotata wakho ngenene lowo ngutata nokuba akakuzali. Siyabacela ootata kwakunye noobhuti bethu xa bebona umntwana oyintombazana babone umntwana hayi umntu anokumjikela. Makubuyiselwe ubuntu, into ongenokuyithanda isenziwa kuwe okanye kusapho lwakho sukuyenza nawe komnye umntu,” utshilo uLosi.

Uthi iinkosi ekuhlaleni, oosopolitiki, maziphakame kusetyenziswane ukulwa ukubulawa kwamakhosikazi.

Uthi ukuze izinto zitshintshe kumele ukuba uluntu lutshintshe uhlobo okwenziwa ngalo izinto kwaye kutshintshwe nohlobo olucinga ngalo.

Uthi akuzukunceda nto ukuba kuphakanywe kuphela xa into ithe yavela kwiithivi zibe zona iziganeko zokubulawa kwamanina zisenzeka umhla nezolo kwiindawo zokuhlala kodwa kuthulwe kungathathwa manyathelo.