Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndiphuphe ingath sikulendlu intle ke ndingayazi ukuba yeyaphi ndikunye noosisi bam abancinci kum. Qha kengok ingath kukho umntwana apha omncinci onxityiswe inapukeni ngoku eli napkeni ligcwele qhuu lilindle (indlela eyonyanisayo) ingath ndimtshintshe lo mntana kodwa xa ndizomosula angafuni abe ezidakise ngalo.

IMPENDULO: Camagu, kukho umntu ozithweleyo. Kungaba nguwe, ilungu losapho okanye nomphi omnye umntu osondeleyo kuwe.

IPHUPHA: Tata ndinguMadlamini eDutywa, ndiphuphe ngathi kuyatsha esibhakabhakeni kweli cala laseMpuma. Lo mlilo unwenwele kule ndlu ndikuyo. Ndibaleke ndiphume ndishiye intombi yam ngaphakathi kule ndlu. Apha phandle kugcwele umsi kodwa andirhaxwa. Kukho namakhwenkwe agibisela iinkuni kulo mlilo.N disuke ndabona indlu seyiphinde yantle ngathi khange itshe.Ndothuke.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lisondeza kuwe imeko apho uza kugaxeleka ekulingweni. Liza kengoko njengesilumnkiso ekubeni ungangeni kulo nto kuba izakubangela inkathazo

IPHUPHA: Ndinamaphupha amabini andithe nca. Elokuqala, ndinomntana oyinkwenkwana eeminyaka emibini. Amatyeli mabini ndimphupha ekhonkothwa zizinja, Ngathi ezinye zifuna umluma ndothuke ndisamnqandela. Kwelinye Ndide ndayibetha inja. Ndicela ukulawulelwa lithetha ukuthini. Elesibini, ndiziphupha ndikwi ndawo endingayaziyo, imizi imbalwa kule ndawo kungokuhlwa ndihambe ndicela indawo yofihla intloko kodwa kungekho mntu ufuna ukundi nceda, ndihamba kwano nyanawam ingathi ndiyakhala ndiyacenga ukuba bancede ikimntanam mna ndilale ke phandle. Kodwa babgavumi, ndihambe ndilila apha ephupheni,ndizibone sendisothuka. Lona inoba ndiliphuphe kathathu.

IMPENDULO: Camagu. Umntwana esakuzalwa uye kwizinyanya zekhaya ngokwamasiko nezithethe zenu, xa ke ithe ayenzeka lo nto uza kudibana namaphupha akumila kunje. Onke la maphupha akho asondele kule nto ndiyithethayo kuba ingxaki isemntwaneni. Mgoduse!

IPHUPHA: Ndicela ukubuza ngala maphupha. Ndithandwa liphupha lokusoloko ndiphupha ndileqwa ngumntu kodwa angade andifumane maxawambi ndiphuphe ndikhwele imoto ebalekayo ndingazi ukuba iyaphi, izolo ndiphuphe ndikhwele iBhayisekile ibaleka nayo ndileqa kwindawo kucaca ukuba yivenkile ethengisa iimpahla.

IMPENDULO: Amaphupha azama ukubonisa ukuba kukho izinto ezininzi ezikurhangqileyp nezibangela ukuba ungahambeli phambili xa livela iphupha elinje lithi lungisa ukuhlala.

IPHUPHA: Ndiphuphe silele nomfana endithandana naye sitsiba iziko kodwa kwalapha ebhedini kukho umama walo mfana ndincuma naye into esisimanga njengokuba sitsiba iziko umfana lo uphuzana nomama wakhe laphela apho.

IMPENDULO: Camagu. Kukho umoya omdaka phakathi kwenu wesichitho enokudala iyantlukwano.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza ukuba kuthetha ukuthini ukuphupha umphathi wakho emsebenzini.

IMPENDULO: Umphupha esenzani? Ibaluleke kakhulu lo ndawo ephupheni, kukuba yeyona incedisana nomhlalutyi. Umzekelo, ukuba uyakulwisa uza kufumana unyuselo okanye uchatha kumvuzo njalo njalo.

IPHUPHA: Molo mhlekazi. Ndiphuphe iNgonyama imi phambi kwam, ndithendijongile ndasuka ndayibona isitya inyama. Kwaske kwavela umlilo yayitya ngoku sele ikweloziko lomlilo. Kodwa khange indigragramele mna.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho lingqamane nawe malunga nomsebenzi okhethekileyo wezinyanya ekufuneka uwenzile.

IPHUPHA:Ndicela incazelo, Ndikwiimviwo le nto ndiyibhalayo andiyazi ndiphakamise isandla ndifuna elinye iphepha, wavele wandinika iphepha elinempendulo zodwa ndothuka.

IMPENDULO: Camagu. Uzak uphumelela ezifundweni okanye kukho intlahla ezayo.

IPHUPHA: Molweni ndicela ukubuza, ndiphuphe ndibalela umntu imali ingathi ibiyiR20 eliphepha neR10 eliphepha kwakho iR5,R2,R1 ne50c ne20c ne10c elesibini izolo ndiphuphe umyeni ka sister wam edutyuliwe

IMPENDULO: Camagu. Amaphupha akho onke angokufa.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za