Kwakhiwe ipuli yeR3-Million kwisikolo saseMthatha

Ipuli entsha exabisa izigidi zeeerandi yesikolo iKhanyisa eMthatha Umfanekiso: Uthunyelwe

Kwakhiwe ipuli yokudadela kwisikolo saseKhanyisa eMthatha.

Le puli ixabisa izigidi ezithathu ezinesiqingatha (R3,5 Million) ithe yavulwa ngokusesikweni ngoMvulo nguMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, uFezeka Nkomonye-Bayeni.

OyiNqununu eKhanyisa, uMnumzana Sebastian Vattakunnel, uthe ngabantu bangaphandle abancedise ekwakhiweni kwale puli, koko yena noogxa bakhe uMnumzana uVan Rensburg kunye noCharles Luis, bahlala phantsi babona kufanelekile ukuba kongezwe izifundo zokudada esikolweni kwaye bazakhele eyabo ipuli.

Uthi le puli ineentlobo ngeentlobo zeendawo zokudada kwaye baqeshe nomqeqeshi osemthethweni wokudada kunye nomntu oqeqeshelwe ukugada iindadi.

UMnumzana uVattakunnel uthi banenjongo zokusebenzisa izishushubezi zamanzi ezisebenzisa amandla elanga epulini kwaye amanzi ayo asuka phantsi komhlaba.

Uvale ngelithi kuza kutsho kuvele nezinye izakhono kubafundi, ingakumbi abo basezilalini.

Othethela iqumrhu labafundi, uLiyema Vumisa, uthethe wenjenje: “Njengomfundi owaqala ukuwabona amasango aseKhanyisa ngo2015, elibakala isikolo elizakhele sona zange tu likhe lithi qatha kum engqondweni. Iminyaka iqengqelekile kuthe cwaka ngomdlalo wokuqubha eKhanyisa, phofu nathi njengabafundi singafane sibuze nto kuba vele imidlalo ebihleli ikhona ibingaphaya kokusanelisa. Kodwa inqununu yethu kuthe kanti ibingekagqibi. Ndiqale ukubamba ongezantsi ekupheleni konyaka ka2017 apho uMhlekazi wayipapasha into yokuba ukwakha ipuli yokuqubha ikwezinye zezicwangciso zakhe zonyaka ka2018. Inene kuthe kanti kunjalo kuba izitena zalandela. Ngoku, ipuli ivuliwe ngokusesikweni ntoleyo ethi kum njengomfundi okwamele nabanye abafundi, amathuba okuqaqambisa izakhono zethu nawo avuliwe. Inene ndimana nombulelo ongazenzisiyo kubo bonke abathe bafaka isandla ekwakhiweni kwepuli yethu. Andinomtyhola umntu ozingomba isifuba ngesikolo (iKhanyisa) kuba inene sonke siyazingca ngaso. Kubafundi, ndithi kubo amathuba akhona, into ngoku ilele emntwini.”