“Ndihleli kabuhlungu endlini yam”

Umama uNomfanelo Beki umfanekiso: bheki Radebe

“Ndiyaphoxwa xa ndinikwa itayitile yendlu, kodwa xa ndifuna kukhutshwe abantu endlini yam bangakhutshwa,” lawo ngamazwi kaNomfanelo Beki (75) ohlala eMdantsane kwa8.

UBeki uthi akafumani ntsebenziswano kumagosa kaMasipala, uhleli kabuhlungu kwaye nendlu yeRDP bekumele ukuba uyayifumana, akakayifumani.

UBeki uthi ebehlala kwindlu yokuhlala ngokwabelana ukusukela ngo1976, wafudukela kokwabo emveni kokuba kusweleke abazali bakhe (nayo ebiyindlu yokuhlala ngokwabelana).

Uthi abantu babehlala kwizindlu zokwabelana bakhelwa izindlu zeRDP eUnit P. Yena wakhetha ukuhlala kwindlu yabazali bakhe ngeenjongo zokuyilungisa, le yeRDP ebekumele uyayifumana uzayibhalisa ngomzukulwana wakhe.

“Kwabuzwa kwaMasipala ukuba ndifuna ukuhlala apha ekhaya okanye kula ndlu yam ngoba andikwazi ukuba nezindlu ezimbini, ndathi ndifuna ukuhlala ekhaya,” utsho uBeki.

Uqhubekeka esithi: “Ndathi ndiza yinika umzukulwana la ndlu yeRDP, ngoku uyandibaleka uVuyani Ngxoyi.”

UBeki uyifumene kulo nyaka uphelileyo itayitile yale ndlu yakowabo. Ingxaki anayo akakwazi ukukhupha aba bantu bafakwa nguceba wangaphambili.

Uceba uVuyiswa Mpanza uthi akakwazi ukukhupha aba bantu bahlala endlini kaBeki, yiofisi kaMasipala enegunya lokwenza lo nto.

“Bekumele ukuba ikomiti yale ndawo ahlala kuyo umama uBeki ibiza intlanganiso kuboniswane ngale meko.”

Uqhubekeka esithi uMpanza, “kuphinde kubekho umthetho othi xa umkhupha umntu endaweni uthi makaye phi?”

Intloko yeSebe lokuHlaliswa koLuntu kuMasipala waseBuffalo City, uNozandile Mhlola, uthi babhaliswa bonke abantu babe kwizindlu zokwabelana, uBeki ngela xesha wayesalungisa ingxaki yezi zindlu.

“Ndibawela ukufumana iinkcukacha kuceba waphaya zokuba ufuna ukukhupha aba bantu. Zange ayitsho kum eyokuba ufuna kukhutshwe aba bantu, wathi ufuna kubhaliswe lo mzukulwana wakhe ngokuya ndandithetha naye uMama uBeki,” utsho uMhlola.

UBeki uthi uhleli kabuhlungu, akasaboni ngaliso elinye naba bantu bahlala phaya kwaye umbane namanzi abhatalwa nguye.

“Andikwazi nokucoca kumdaka, amagumbi abolile, yindlu yasekhaya le, ngoku ngeyam ndinikwe itayitile. Igosa likaMasipala uVuyani Ngxoyi khange lifumaneke emnxebeni ukuphendula kwesi sikhalazo.