Imingeni ejamele ukufundisa ngesiXhosa

Ilizwi lize kum lifuna ukuqonda ukuba ndingaphawula ndithini na mna ngomba wokufundiswa kwesiXhosa ezikolweni, side siphuhliswe siye kufika nakumabakala ezidanga eziyunivesithi.

Yinto entle kakhulu leyo neza kuzala amaduna namathokazi, into yokufundiswa komntu ngolwimi lwakhe lwemveli aluncance ebeleni kunina.

Xa ndilandela ulwimi lwesiXhosa ndingaphawula ngemingeni eza kufuna ingqwalasela. Okokuqala into emayiqapheleke kukuba abantwana beli xesha abaninzi abafunda isiXhosa njengolwimi lokuqala abasiva isiXhosa.

Ngolu hlobo, masithi utitshala ubanika umsebenzi eklasini osihloko sithi, “Balisa ngemini yonyulo lwamalungu endlu yoWisomthetho okanye amalungu ebhunga ledolophu.”

Abantwana bayajama bangazi nokuba mabaqale ngelithini xa bephendula, kufuneka utitshala ancame abacacisele awubeke ngolu hlobo lo mba, “Balisa ngemini yokuvotelwa kwamalungu epalamente okanye amalungu kamasipala.”

Kwenye imeko ubanike isihloko esithi, “Ndaqhathwa ngabagwebi kolo gqatso ukuze ndibe andiphumelelanga.” Nalapha kule meko ibasesezolo de utitshala acacise athi, “Ndaqhathwa ziijaji kolo khuphiswano ukuze ndingawini.”

Enye ingxaki engumngeni ikwizifundiswa zesiXhosa ezifunde isiXhosa ezingayaziyo ukuba igrama yesiXhosa ifundiselwa ntoni na, zithi nqa ukuba izifundo zefonetiki, ezemofoloji nesemantiki bazifundiselwa ntoni.

Yonke loo nto bayithatha njengemfeketho nendlalo, kangangokuba izifundiswa ezininzi nezipasa izidanga zipasa ngokuyinkqaya igrama.

Ndikhe ndeva kwelinye iziko losasazo abasasazi bencokola bebuzana ukuba esaa siXhosa seefonetiki sasifundiselwa ntoni kuba abasisebenzisi.

Babencokola bephoxisa ngalo mba wokufundwa kwefonetiki esiXhoseni. Impazamo enkulu yenziwa yiBhodi yeeLwimi zesiNtu ngowe1955 emva kokuba urhulumente wamaBhulu ephumeze ukufundiswa kweeLwimi zesiNtu ukususela kwibakala likaSub A ukuya kuStd 2 (Grade 4).

Phakathi koninzi lwabantu ababengamalungu ebhodi yayingabantu abanomdla kwezi Lwimi ingezizo inzululwazi eziqeqeshiweyo kwiilwimi. Into abayenzayo kukusuke bahlangane baqwebe amagama esiXhosa endaweni yamagama esiLungu.

Umzekelo bathi (oxygen) bathi (umongo-moya). Eyona nto kwakufanele ukuba bayenzile kukugqwetha uphimiselo lulungele igrama yesiXhosa, bathi (oksijini). Balenze eli gama libizeke ngesiXhosa.

Kulapho ke ngoku ulwazi ngefonetiki lubaluleke khona. Masiqwalasele indlela abaphinyiselwa ngayo * (e) no (o) kwezi zibini zamagama (ulele, ileli), (ilolo, iloli).

Uya kuphawula ukuba * (e) no (o) wethu baphinyiselwa ngendlela ezahlukeneyo, omnye uphezulu omnye usezantsi. Ifonetiki inceda kuphimiselo nokubizwa kwamagama.

Xa kufundwa iisayensi ngesayenisi zemibandela yemfundo ezisetyenziswa ehlabathini, ukuze isiXhosa sibe nokumelana nazo kufuneka kugqwethwe uphimiselo lamagama athile alungelane nokuthethwa kwesiXhosa kungaqwetywa amagama amatsha aza kubangela ukutshintsha kwentsingiselo, njengoko nesiNgesi senze njalo xa sithabatha amagama esiLatini nawesiGrike siwangenisa kuso.

Omnye umbandela oshushu ongumngeni ingakumbi kwiingcali eziselula, ngumbandela wezopolitiko apho yonke into eyathi yenzeka ngexesha lenkqubo yocalucalulo ithatyathwa ngokuba yayiyingcinezelo ejongise ekucaluleni umntu oNtsundu.

Ngo1962 ngenyanga kaAgasti owayenguMphathiswa weMfundo yabaNtsundu (Bantu Education) uMnu. W.A. Maree emva kokuba edibene namalungu kaGunyaziwe waseTranskei angala, uKumkani K.D. Matanzima, uKumkani Botha Sigcawu noKumkani Tutor Ndamase, abavakalisa uluvo abathi lolwabantu ababakhokeleyo abayichasileyo into yokufundiswa kwabantwana babo ngesiXhosa.

Ngeso sizathu uMnu. Maree waseka iKomishini kaCingo eyayenziwe zezi zangxa ziNtsundu, uReginald Cingo owayengumhloli eFreyistata, uN.P. Hela umhloli waseTranskei, uB.B. Mdledle ititshala eyayisidla umhlalaphantsi yaseLovedale, uD.M. Ntusi owayenguMlawuli weMfundo yabaNtsundu eTranskei.

Iziphumo zalo khomishini zanqwala zisithi mabafundiswe abantwana ngesiXhosa. Bafundiswa ke ngesiXhosa. Ezo zigqibo zaliwa yimibutho yopolitiko eyayivalwe umlomo kunye nemibutho yeetitshala, kusithiwa kuvinjwa abantwana ubuncwane behlabathi kuba isiNgesi sivunywe kulo lonke ihlabathi.

Ithe yakukhululeka iTranskei ngowe1976 uGqr. K.D. Matanzima wasipetya eso sigqibo sokufundiswa kwabantwana ngesiXhosa, baqaliswa ukufundiswa ngesiNgesi. Iingcali ke ezijongene nomba wesiXhosa zangoku azikwazi kuya kuqwalasela kwi ‘archives’ iingxoxo zeengcali ezenza kwamiliselwa ukufundisa ngesiXhosa ukususela ngo1955 ukuya kuma kowe1976, zonqena ukuzayamanisa neepolisi zengcinezelo yamaBhulu.

Kwakumba wezopolitiko kukho abantu abazibiza ngokuba ziingcali ezikwiphulo nentshukumo yokuvuselela isiXhosa singalahleki ngokutsho kwabo, baqale into entsha engazange ibonwe kwizifundo ngolwimi kwihlabathi liphela kubunzululwazi bokufunda ngelwimi.

Bayaqamba into abayibiza ngokuba zizaci namaqhalo esiXhosa. Bathi baza kuwapapasha abesencwadini khon’ukuze afumaneke afundwe ngabantwana ezikolweni. Into ehlekisayo ezi zinto ziqanjwayo zaziwa ngumqambi yedwa asiyontetho eyaziwa nguwonkewonke nevunyiweyo.

Loo nto yenza ukuba ulwimi lwesiXhosa lube ngathi lulwimi olufileyo. Ngokomgaqo wokufunda ulwimi ngokusemgangathweni umntu wenza uphando kwintetho yeso sizwe.

Ulwimi lusekeke kumasiko, izithethe, intlalo nempucuko yalo. Yonke loo nto iyazivelela kwintetho. UmXhosa weli xesha uza kuthi “Ujayivela ipleyiti engena gravy,” xa ekubonisa ukuba le nto uyenzayo awuzi kuvuzwa ngayo.

Xa ekubonisa ukuba awunakuqiniseka ngothando uthi, “Kubi kwaDepartment of Love, uzigqibela uyiCEO uzibone sele uyisweeper” UPahl, H.W. (1967) kwintshayelelo yencwadi yakhe ethi, ‘IsiXhosa,’ wayichaphazela into yokuba isiXhosa asisasulungekanga sifuthelwe zezinye iilwimi, izithethe namasiko, nempucuko zezinye iintlanga nezizwe, “Asikho isiXhosa esingaxubekanga. Njengentetho ephilayo sikhe sasulelwa zezinye iilwimi athe amaXhosa adibana nazo, saye sisekolo sulelo nangoku. Ngaloo ndlela ke sithe rhoqo ukufakela iimpinzana zasemzini. Inkqubo enjalo iphawuleka kuzo zonke iilwimi. Ithi ke ukuba yenzeke ngengqiqo elulwimini olo, lusinde ekungxengekeni ngelize; endaweni yaloo nto lusuke lutyebe.”