Iinkcukacha ngomngcwabo kaMakazi

ABAPHULAPHULI  noogxa bakaZola Kaso-Majiza kuMhlobo Wenene baza kube behlangene eNangoza Jebe ngomso bekhumbula lo makhwekhwetha womsasazi ongasekhoyo.

UMakazi okanye uMazou nanjengoko besaziwa ngabo bamthandayo, ubhubhele eLife Mercantile Hospital ngoLwesithathu weveki ephelileyo emva kwengulo yexeshana.

UMaZou, obesele esidla umhlalaphantsi emva kokusebenzela iSABC phantse iminyaka engama30, usweleka eneminyaka eyi-67 ubudala.

Owongamele iiNtengiso kuMhlobo Wenene FM, uFaith Ngandi , uthi inkonzo yokugxwal’ emswaneni kaMakazi  iza kubanjelwa kwiHolo iNangoza Jebe ngomso (Lwesithathu) ngentsimbi yesihlanu malanga.

Inkonzo yakhe yomngcwabo nayo iza kubanjelwa kwakweli holo ngoLwesihlanu (25 October) ngentsimbi yesithoba kusasa, ze ngoMgqibelo ayokungcwatyelwa kwilali yasemzini wakhe eMkhubiso eQonce, ngokutsho konyana wakhe uMabaso Majiza.

UMabaso uthi kulindeleke inkonzo yangoMgqibelo eMkhubiso ibe mfutshane. “Uza kunyatheliswa nje inkundla ze emva koko kuqhutywe inkonzo emfutshane phambi kokuba ayokubekwa emadlakeni,” kutsho uMabaso kweli phephandaba.