Kubhaqwe ubuhlanti obufihla imfuyo ebiweyo ehlathini!

Amapolisa ephondo kumahlathi aseOR Tambo kwiphulo elithi Zizojika Izinto, nalapho afumene iigusha ezibiweyo kubuhlanti obusehlathini umfanekiso: Uthunyelwe

Okona kuhambe phambili kugqogqo lwamapolisa ephondo kummandla wase-OR Tambo ngempelaveki nolubizwa ngokuba “Zizojika Izinto” nobe lukhokelwa nguMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uLieutenant Liziwe Ntshinga, ibe kukugqama komkhwa wokubiwa kwemfuyo.

Ugqogqo luqhubeke kuQumbu, Sulenkama, Bityi, Tsolo, Libode, Ngqeleni, Mqanduli, Sajonisi naseLusikisiki kwakunye nedolophu yaseMthatha.

Abantu ababanjiwe babe likhulu nabaphakathi kwama20 ukuya kuma79 eminyaka ubudala nabaye babekwa amatyala awohlukeneyo wokuba.

Eli gqiza lika “Zizojika izinto” liye latyelela nezikiti ezigcina imfuyo kuquka namahlathi adume ngokufihla imfuyo ebiweyo.

Kwelinye lala mahlathi atyelelweyo kubhaqwe uzenzele wobuhlanti nekukholelwa ukuba ugcina le mfuyo ibiweyo nalapho kufumaneke iigusha ezingamashumi amane anesithoba kwakunye neebhokhwe ezintlanu.

Ingxelo iqhuba ithi ubuhlanti obo buye babhaqwa butshisiwe ngamapolisa.

Kusenjalo, kugqogqa kubanjwe abantu abangamashumi amabini anesithathu emva kokufunyanwa bethengisa utywala babe bengenazo iimpephamvume zokuthengisa, omnye kubo uveze iphepha lomgunyathi.

Iindawo ezo zentselo ziye zavalwa kwathathwa notywala obo. Kuye kwabhaqwa neempahla, izinto zokuthambisa, amacwecwe kwakunye namakhadi eefowuni ezixabisa iR1.5 million.

Kuqhutyekwe nephulo apho amapolisa aye afumana izikhali ezinobungozi eluntwini ezifana neemela, oobhushi kwakunye nemipu emithathu.

“Eli phulo liseza kuqhubekeka ukususa neengcambu izenzo zobundlobongela nolwaphulomthetho kweli phondo, ingakumbi ngeli xesha leziyunguma, ukuqinisekisa ukuba abantu batya iKrisimesi bekhululekile kwaye bekhuselekile. Sibongoza uluntu kuquka neendwendwe kusetyenziswane namagosa ethu phantsi kwephulo uBuya Mthetho, utshilo uLt Ntshinga.

Eli phulo lika “Buya Mthetho” kwakunye no “Zizojika Izinto” liphehlelelwe ngomhlwa wesithandathu kwibala lezemidlalo eGompo eMonti.