Kubanjwe inkonzo yesikhumbuzo yeKumkani yamaXhosa eKapa

Uluntu lwaseKapa luzimase inkonzo yesikhumbuzo yekumkani yamaXhosa uZwelonke umfanekiso: Buziwe Nocuze

Uluntu lwaseKapa luphume ngobuninzi balo ukuzokunika imbeko kwisikhumbuzo seKumkani yamaXhosa uMpendulo Sigcawu othe wakhothama kwiveki ephelileyo.

Isikhumbuzo seKumkani besibanjelwe kwisikolo samabanga aphakamileyo eLuhlaza eKhayelitsha.

Phakathi kwabantu ebebezimase esi sikhumbuzo singabalula uMphathiswa wezoThutho neMisebenzi yoLuntu uBonginkosi Madikizela kunye nenkokheli yeAfrican National Congress uXolani Sotashe.

UNkos’uZwelicingile Mkhululi Manxeba ubulele isixeko ngokusoloko bebaxhasa rhoqo benezinto abanazo eKapa.

“Silapha ukuzonika imbeko kwiKumkani yethu kwaye ukunibona niphume ngolu hlobo kuyasivuyisa kakhulu kuba lo nto iyabonakalisa ukuba nangona nihlala apha kodwa anilibalanga apho nisuka khona,” utshilo uManxeba.

Uqhube wathi uKumkani ebengumntu obebathanda kakhulu abantu kwaye ukukhothama kwayo kuza kubonakala kwizinto ezininzi.

“Qhubekani nokuhlala nizigcinile iimfundiso zendawo enisuka kuzo kuba ukuba benkungenjalongo ngeningekho apha, siyabulela kakhulu ngokubonakalisa imbeko ngokuba nibe lapha namhlanje,” utshilo uManxeba. Watsho esithi isixeko masiqhubeke nokwenza okulungileyo.

“Urhulumente waseKapa oko sathi xa sikhala wasiva, nakwesi sihlandlo ke abasiphoxanga kuba baqinisekisile ukuba esi sikhumbuzo sibakhona ukuze abantu ingakumbi abo bangazukwazi ukuyobeka iKumkani bafumane ithuba lokuvalelisa,”utshilo uManxeba.

Ekwabulela nomongameli ngokunika iKumkani umngcwabo wezitatanyiswa.

“Siyabulela kakhulu kuMongameli kwaye besiza kuphatheka kakubi kakhulu ukuba ebengasithathanga esi sigqibo kwaye liwonga eliyifaneleyo iKumkani eli,” utshilo uManxeba.

UBonginkosi Madikizela uthe kwindibano ebebenayo nabantu ebebesuka kwicala lubukhosi baye bavumelana ukuba sibe khona esi sikhumbuzo kuba baninzi kakhulu abantu abasuka eMpuma Koloni ebekufuneka bevalelisile kwiKumkani.

“Bathe xa bekhala kwaye becela ukuba sifake isandla ekuqinisekiseni ukuba esi sikhumbuzo siba yimpumelelo siye senza njalo kwaye ke ndiwuqonda kakuhle umsebenzi wenkosi kunye nekumkani kuba nam ndikhulele phantsi kwesandla sabo, ndilandela imithetho yabo,” utshilo uMadikizela.

UXolani Sotashe uthe isigqibo esithathwe ngumongameli ibe sesibaluleke kakhulu kwaye umsebenzi wekumkani ubungafuni kufakwa izinto ezidibene nepolitiki.

“Ndiyavuya kuba wonke umntu othathe inxaxheba ubeke ikumkani phambili hayi ipolitiki kuba ikumkani ibingakhokeli nje igcuntswana labantu kodwa ibikhokela isizwe,” utshilo uSotashe.

Watsho esithi abanye babo baza kuzama ukuya eMpuma Koloni ukuyobeka iKumkani kwindlu yayo yokugqibela.

UMandisi Cophela noneminyaka engamashumi amane uthe ebengekhe akwazi ukuphoswa sisikhumbuzo nanjengoko engazukwazi ukuya eMpuma Koloni.

“Ikumkani ibingumntu obathanda kakhulu abantu kwaye ebebanika abantu ixesha, lo nto nje yodwa ibonakalisa inkathalo, silahlekelwe kakhulu kodwa ke siyabulela ngemisebenzi asenzele yona,” utshilo uCophela.

IKumkani iza kubekwa ngomso uLwesihlanu eNqadu kuGatyane.