IBay Giants ibambelele phezulu kwiMzansi Super League

Umdlali weqakamba, uJason Roy, ngethuba eqhokra ibhola emdlalweni obuphakathi kweNelson Mandela Bay Giants neDurban Heat, eSt Georges Park, eBhayi, kwiveki ephelileyo

Izinto ziyihambela kakuhle kakhulu iNelson Mandela Bay Giants kwimidlalo yeqakamba phantsi koMzantsi Super League.

Ukuba ingadlala ngendlela efanayo, likhona ithuba lokuba iBay Giants ingathwaliswa isithsaba ekupheleni kwesizini kwinyanga ezayo.

Emva kokudlala imidlalo emihlanu kule sizini, iGiants iqokelele ishumi elinesibhozo lamanqaku kwaye ayikabethwa phezulu.

Kwindawo yesibini kuhleli iPaarl Rocks eneshumi elinesihlanu lamanqaku ewafumene emidlalweni emihlanu.

IMandela Bay Giants isenendlela ende kakhulu eza kuyihamba phambi kokuba ifumane impumelelo – kodwa indlela edlale ngayo kwiveki ephelileyo ngethuba ibetha iDurban Heat ngoothinti abahlanu, eSt George’s Park, iyakhuthaza futhi inika ithemba nabo basoloko bekhala ngomgangatho ophantsi weqakamba kwiMzansi Super League.

Amadoda amathathu weGiants asoloko eqinisekisa okokuba ifumana iziphumo ezincumisayo nguChris Morris noImran Tahir, abaphinde benza ezibukwayo emdlalweni wakutshanje.

Ngoku uTahir uphakathi kwamadoda ajula iqakamba athathe oothinti abaninzi kule sizini.

Ukuqaqamba kwabadlali beGiants kubonisa ukunxanelwa kwabo impumelelo kule sizini. IDurban Heat yenze imitsi elikhulu elinamashumi amathandathu kodwa uJason Roy noMatthew Breetzke baqokelele amashumi amathathu anesibhozo kumangeno alishumi kwatsho kwatyhileka indlela eya empumelelweni.

Ukapteni weGiants, uJon-Jon Smuts, uzincomile kakhulu iinzame ezenziwe ngoogxa bakhe ukusukela ekuqaleni kwesizini.

“Into emnandi ukudlala le midlalo (T20 Cricket) kukuba wonke umntu udlalela ukuphumelela.

“Kuhle ukubona iqela lethu lidlala kakuhle njengasemdlalweni ogqithileyo,” utshilo uSmuts emva komdlalo.

Emva kokubetha iDurban Heat, iGiants ijamelene nePaarl Rocks ebaleni layo iSt George’s Park izolo. Ngelishwa umdlalo uphele I’solezwe lesiXhosa selizishicilele iindaba zale veki.

Ngomso iCape Town Blitz, ebethwe yiPaarl Rocks, iza kudibana neDurban Heat, eNewlands. NgoLwesihlanu, iTshwane Spartans yamkela iPaarl Rocks emdlalweni oza kube useSuperSport Park.

Umdlalo ekulindeleke utake iintlantsi yimpinda ephakathi kweBay Giants neDurban Heat oza kube useThekwini.

Ayiqhubi kakuhle kule sizini iDurban Heat kodwa kulindeleke izame ukuziphindisela emva kokubethwa yiGiants kwiveki ephelileyo.

Yona iJozi, etsala nzima, idibana nePaarl Rocks ngeCawe kwibala laseWanderers. ICape Town Blitz yamkela iTshwane emdlalweni oseNewlands.