Ngunyoko lowo kwedini; Rha-a-a!

Ndihlala ndidlisela ngokuba phaya kuthi ubomi busanyamezeleka ngokusingise kwizinto endiva kusithiwa ziyenzeka kwezinye iindawo, iinto ezifana nodlwengulo nokugwintwa kwababhinqileyo nabantwana, nezinye ke izinto ezimbi ezenzeka kwiindawo esihlala kuzo kule mihla.

Kusanyamezeleka ke ngenene, nangani sele ikho imikhuba engathandekiyo. Umzekelo, amakhwenkwe ethu anomkhuba wokuhlabana ngeemela, de aphumele nakuthi apha maxa wambi.

Sazivala iziyunguma zolutsha ezifana nemitshotsho yamakhwenkwe aza kwaluka neentlombe zabafana xa kuphuma amakrwala ngenxa yalo mkhuba wokusuka abulalane ngezitshetshe la makhwenkwe, atsho kutshabhe yonke into.

Ngalo lonke ke ixesha esenza oku sukube onganyelwe yinkoduso, athi akunxila ageze, kuba ke kakade utywala buyasigezisa isidenge. Kunale ke ndiyijonga ndise ndibe nolunqa.

La makhwenkwe akuthi ngoku azibambela kwiintanga zoonina, kanye oku kwenkunzi ijoja unina. Awanantloni, kubandakanya noonina abawavumela enze lo mkhuba kubo, oonina abangazimasekileyo!

Nakule ke imeko utywala bukhona ubukhulu becala, kodwa ke bakhona nabanganxiliyo abawenzayo lo mkhuba.

Ngamini ithile, sibeke iliso kubafana abomba ingcwaba, sithi ngokuncokola omnye ubawo abalise ngomdla wokubuthelana namokhwe ithile yasebulalini; sothuswa kukuva ukuba loo mokhwe ibuthelana nomnye waba bafana bomba ingcwaba.

Waphakama waya ebafaneni, wathi kulo mfana, emnyola ngenduku, “Rhaa kwedini! Saxinwa nguwe embuthweni kutheni? Akuboni ukuba ngunyoko uNozibani? Imbeko le yalahleka nini kuwe apha? Akunambeko; rhaa!” Leyo nto yaphelela nje ekuhlekweni, ayaze iguqule nto kwisimilo somfana.

Akanelanga nje ukunyola lo mfana, uyile nakulo ntokazi, eyibuza ngalo mkhuba. Impendulo yabuya isithi “engaphitshwa ndim nje akangomntwana; kananjalo andihlokomisanga xilongo ndabiza umntwana, ngumntwana oze kum. Ndehle ke mntu wabantu!” Yabe kuphela.

Loo nkwenkwe ilandelene nelo xhegwazana ke lada labhubha; yakhangela elinye, yenjenjalo nakwelo. Endikubonayo ke kukuba ayanda amakhwenkwe analo mkhuba, andazi abona ntoni na ingoonina nje aba.

Nangani ihlekeka nje le nto kodwa iyaxhalabisa, kuba ibonisa ukwehla kwezinga lembeko nozimaseko kubantu esingabo kule mihla.

Ndiyazi ukuba kukho abantu abayithethelelayo le nkqubo, besithi akukho mqobo kwabangaphezu kweminyaka elishumi elinesibhozo.

Ewe kunjalo, kodwa ayiqhelekanga kuthi leyo nto kwaye asizange sayinanza kwakulowo Mgaqosiseko kuthiwa ikuwo.

Ukwenzeka kwayo ke kwabakuthi akunanto yakwenza namalungelo, kuba ke phaya kuthi siwuva ngokubaliselwa nalowo Mgaqosiseko, asinampilo yethu siyixhome kuwo.

Izimbo ezinjengezi ke zikukuguquka kwezinto ngendlela engaqhelekanga nengathandekiyo.

Kuthi oku akunto yimbi ingelilo izinga eliphezulu lentswelakuzimaseka kubantu esingabo. Khona sele kusithiwa kunxilwe kangakanani, umfana uwuthathaphi umdla kwixhegwazana elinemibimbi?

Uyithathaphi ingqondo yokuphethulana nonina amngene? Ixhegwazana lisithathabi isibindi sokuzityila emntwaneni alingene? Asingomanyala lawo? Phu-* -* ! Izinja-a-a! Ezilokishini inamagama ayo le mikhuba; kuthethwa ‘ngoobhantam’ ‘nooshugadedi,’ kukho ‘namabhlesa,’ kukho namahenyukazi. Ezidolophini oku kwenzelwa ukuphila.

Nangani ikho ngobuninzi ezidolophini le ndawo yokungabi nambeko nokungahloniphani komdala nomncinci, kodwa okona kuphambili phaya ezidolophini ngale mikhuba kukuziphilisa komntu ngento anayo. Kuthi basezilalini ke yahluke mpela; ikukungabi nambeko nokungabi nazintloni. Lizothe namanyala!

Thina beelali safundiswa ukuza ngomva emntwini omdala xa ehamba ze, simambathise sifihle ubuze bakhe.

Ezi nto kubonakala ukuba umkhwenyana angaphumela kumkhwekazi nomolokazana kuyisezala, ngamanyala esingazange sawabona. Phu-* -* ! Goba msenge iibhokhwe zikutye!