UOmotoso ubuyela enkundleni

Umfundisi okwibholo lamanyala uTimothy Omotoso namangalelwa nabo uZukiswa Sitho noLusanda Solani kwiNkundla ePhakamileyo yaseBhayiumfanekiso: Mpumelelo Matwa

Litsho phantsi kwaqhum’ uthuli igqwetha lomfundisi osezindabeni ngezityholo zokubandakanyeka kwizenzo zamanyala nabantwana abaselula ngeminyaka nabebe ngamalungu ebandla lakhe.

UMprofeti uTimothy Omotoso (60) webandla iJesus Dominion International nosejele sithetha nje, ebanjwe kwiminyaka emibini edlulileyo ngezityholo zokuxhwila nokuzikhelela kulo mzimba ungezantsi ebantwaneni abaselula ngeminyaka negqwetha lakhe uPeter Daubernman baquqa bebuyelela kwiNkundla ePhakamileyo yaseBhayi, beswantsulisa iijaji ngemiba ephathelene neli tyala.

Lo kaDauberman, uOmotoso nesibini amangalelwe naso uZukiswa Sitho (28) noLusanda Solani (36) abatyholwa ngokubandakanyeka kweli tyala ngokuncedisa lo kaOmotoso ekulobeni aba bantwana ukuze babe ngamaxhoba alo mkhwa, babuye bexwebile kwiNkundla yoMgaqosiseko emva kokukhatywa kwesicelo sabo.

Ezi ndaba zivakele kwiNkundla ePhakamileyo yaseBhayi ngoLwesihlanu.

Esi sithathu besibhenele kule nkundla ngesicelo sokuba kuxoxwe ngeziganeko ekubangwa ngabamangali ukuba zenzeka eBhayi, zisuswe ezo zibandakanya ezinye iindawo.

Ingqina lokuqala kweli tyala, uCheryl Zondi (25) waxelela le nkundla ukuba lo kaOmotoso watyelela iindawo eziliqela ezifana neNigeria, Durban, Israel nalapho wamenzisa izinto ezimasikizi.

Wahambisa wathi kwenye yezi ndawo kwakukho nelinye iqela lamantombazana amalunga namashumi amathathu awayetshintshisana ngawo ewabizela emandlalweni wakhe.

Lo mhlekazi ubhenele kule nkundla yoMgaqosiseko kulo nyaka uphelileyo beneqikili lokugwetyelwa emva kokukhatywa kwesi sicelo yiNkundla ePhakamileyo yaseBhayi neyephondo.

UDauberman waxoxa kom’ amathe kulo nyaka uphelileyo ebanga ukuba le nkundla ayinamagunya okuxoxa imibandela okanye iziganeko ezenzeka ngaphandle kwaseBhayi nangaphesheya kolwandle.

Efunda isigwebo seNkundla yoMgaqosiseko, uJaji Irma Schoeman, uthe le nkundla ikhaba esi sicelo ngelithi asinamhlaba nazizathu zibangela ukuba lingathethwa yiNkundla ePhakamileyo yaseBhayi eli tyala, ngoko ke iNkundla yoMgaqosiseko ayisimameli esi sicelo.

Eli tyala liza kuqhuba ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga.

isibhalo@inl.co.za