Inkqubo yobangomihlaba inamagingxigingxi

Usapho lwakwaBino lwenza indibaniselwano lwaze lwathenga ifama eKillcholoumkill eKowa kwaye lunemfuyo eninzi kodwa osebenzela iofisi yoncedo ngomthetho uGeorge Nqoko kufuneka etyelele iofisi yeSebe leNtlalontle noPhuhliso malunga nokusweleka kweenkonzo ezingundoqo kule fama umfanekiso: James Puttick.

NgokweEmpepha zoburhulumente, usapho lwakwaBino eKowa lungumzekelo wempumelelo yenkqubo yokubuyekezwa komhlaba eMpuma Koloni.

Ngonyaka wama2000, olu sapho lwenza isicelo sokuba basebenzise isibonelelo sentengo yomhlaba ukuthenga umhlaba ozihektare ezingamakhulu amahlanu kwifama iKillcholoumkill owathi urhulumente wayithenga kumfama omhlophe phantsi kwenkqubo yamabango omhlaba.

Ukusukela ngoko olu sapho luye lakwazi ukuqokelela impahla equka iinkomo neegusha ezingaphaya kwekhulu.

Kunamhlanje kusebenza kukwahlala abantu abalishumi elinesithandathu kule fama ikumgama ongama20 km ukusuka edolophini eKowa.

Ingingqi yaseKowa inelona nani liphakamileyo labantu abaxhamlayo kule nkqubo karhulumente yokunikeza ngomhlaba kubantu abantsundu kuMzantsi Afrika uphela.

Kodwa eli qela lamafama lithwaxwa kukungaphumeleli kukarhulumente ukubanikeza iinkonzo ezisisiseko zikamaspala – akukho mbane namanzi kule fama.

Kukho umlanjana okufuphi apho abathutha kuwo amanzi baze banyuke umnqantsa weqhina bewagalela kwitanki ekufuphi nefama le. Ukuze ukwazi ukungena apho kufuneka ube kanti uqhuba uhlobo lwe 4×4 kuba akukho ndlela zilungisiweyo.

Eli qela labafuyi zange lakwazi ukuthenga nahlobo olunjani lwemoto. Omnye woonyana balapha, uSibongile Bino ominyaka ingama27 wazalwa esisidalwa – akakwazi ukuhamba, ukuthetha kwaye uyatyiswa aze anxityiswe.

Maxa wambi uye axhuzule kwaye kumele ahlanjwe rhoqo, yinto enzima leyo kuba akukho manzi nambane. Usapho lwakhe lukha amanzi emlanjeni liwabilise emlilweni.

USibongile zange walibeka esikolweni kwaye akanaso nesitulo sokumhambisa njengoko indlu yakowabo yakhiwe eliweni – kufuneka soloko ephantsi kweliso elibukhali.

Ukuba utyelela olu sapho ungaqhubi i4×4 kuthetha ukuba kufuneka ushiye isithuthi sakho kumgama ongangeekhilomitha ezimbini, uqengqeleke usihla loo miwewe, ze ungcilaze uzame ukuwela umlambo phambi kokuba ugagane nomnqantsa weqhina phambi kokuba ufike ekhayeni lakwaBino.

Oku bekuya kubanzima kuSibongile. Abanye abantwana bahamba le ndlela rhoqo xa besiya bekwabuya esikolweni. Ezi ntsapho ziphila ngemali yegrant yabantwana kwanaleyo yenkamnkam kaSibongile.

“Kumaxa amaninzi abakwaSassa [South African Social Security Agency] bafuna ukubona enoba uSibongile usaphila na ngoko kuya kufuneka siqeshe ibakkie simse eziofisini. Kodwa ingxaki esinayo ngoku umntu webakkie wema eKowa. Kunzima mpela kuthi ngoku kwaye asazi ukuba uSibongile masimhambise ngantoni ngoku,” utsho umakhulu wakhe uNontwikunina Bino ominyaka ingama66.

Bebedla ngokuyiqesha ngeR90 le bakkie becuntsula loo mali yenkamnkam ingamaR1 780. “Ndinokratyazo kwaye kuya kusiba nzima ukumnakekela lo mntwana. Nditsala nzima kakhulu kwaye ndimdala,” uNontwikunina utsho.

Ukubopha amaxonya, usapho lakwaBino luqeshisa ngomhlaba walo luvumela abantu abagxothwe kwiifama ezikufuphi ukuba lugcine iimpahla yabo.

Oku kubonisa umoya wobuhlobo nobumelwane kuluntu lwasezilalini. Ubomi babo bungatshintsha kakhulu xa urhulumente enokubafakela indlela umbane namanzi.

Kwaye impilo yabo ingabhetele xa kunokuphuculwa into ezithile , kugangathwe phambi kwendlu ze kufakelwe ucingo ukuze uSibongile akwazi ukuziqhubela isitulo sokutshitshiliza xa enokusifumana.

Omnye wosapho uNontembiso Mzimasi ominyaka ingama54, uthe bavuya kakhulu xa babefumana le fama, kodwa badinga uncedo olukhulu ukuze iphupha labo lifezekiseke.

“Siyavuya thina apha nokuba kunokuthiwa masihambe asisayi kuya ndawo. Sicela nje urhulumente asifakele umbane namanzi aze alungise iindlela, asinike ifertiliser kunye netraka yokulima” utshilo umama.

UGeorge Nqoko ongumncedisi wezomthetho osebenzela iElliot Advice Centre uthi kudala ethetha neSebe leNtlalontle noPhuhliso ecela ukuba olu sapho malufumane uncedo nanjengoko imeko yabo imandundu.

“Into entle apha kukuba olu sapho lunomhlaba walo, into efunekayo ziinkonzo kuphela. Umgaqosiseko welizwe lethu awavumi ukuba abantu bangahoyeki olu hlobo. Kumele urhulumente abanike ingqwalasela ngokukhawuleza,” uNqoko utshilo.

UNqoko uthembise ngelokuba uza kutyelela amagosa karhulumente kwikomkhulu eBisho ukuze aqinisekise ukuba umba wolu sapho ufumana ingqwalasela.

Othethela iSebe leSocial Development, uMnu Gcobani Maswana, uthe baza kuthumela oontlalontle ababini ukuze baqwalasele imeko kaSibongile.

“Njengorhulumente okhathalayo asikwazi ukuyiyeka inje le meko. Oontlalontle bethu baza kusinika ingxelo size sibone ukuba masingenelele njani kule meko ze sikwazi ukuncedana nolu sapho,” utshilo okaMaswana.

-Eli nqaku belipapashwe yiNew Frame.