UMapeza unethemba lokukrwitsha iSiwelele

UNorman Mapeza ngumqeqeshi weChippa United

Kusetyenzelwa izinto ezimbini kwinkampu yeChippa United.

Ezo zinto kukuphepha izembe ngokupheleleyo kusekho imidlalo emininzi nokungena kwiTop 8.

Ukuba ubani angajonga indawo eyayikuyo iChippa emva kokudlala imidlalo elishumi, ngeke akholelwe ukuba yiyo le ikwindawo yeshumi ngoku.

Yonke lo nto yenziwe nguNorman Mapeza ofike kunyaka ophelileyo emva kokugxothwa kukaClinton Larsen oqeqeshe imidlalo emihlanu kuphela.

Into ekwathiwa makayenze uMapeza: kukuqinisekisa okokuba iChippa iyasinda ezembeni esinde kulo kwiisizini ezimbini ezidlulileyo.

Emva kokucholachola amanqaku apheleleyo phambi kokuphela kuka2019, ngoku iChippa isecicini lokuyenza lo nto.

Emidlalweni emithathu kulo nyaka, iqela likaMapeza liqokelele amanqaku amane.

Uwancomile ke kambe umqeqeshi amakhwenkwe akhe emva kokudlala ntanganye neMaritzburg United emdlalweni obuseSisa Dukashe Stadium kwimpelaveki egqithileyo.

“Basebenzile abadlali.

Yinto enkulu kakhulu kuthi ukufumana inqaku elinye ngoba akululanga ukufumana amanqaku apheleleyo emidlalweni yePSL,” utshilo umqeqeshi oncwase ukufumanela iChippa United indawo kwiTop 8 xa kusongwa isizini.

Njengokuba iChippa iza kudlala neBloemfontein Celtic ngo15:30 eNelson Mandela Bay Stadium ngeCawe, inethuba lokuphumelela ebaleni layo kwaye lo nto ingayibeka kwindawo yesine okanye eyesihlanu.

Umdlalo ngoweCeltic kodwa iwusa eBhayi ngoba iDr Molemela Stadium ayikho kwisimo esihle.

Noxa kungeke kube lula ukubetha iCeltic ebethe iBlack Leopards ngo’4-2 kutshanje kodwa iChippa kufanele ilwe kuba iza kudlalela phambi kwabalandeli bayo.

“Kuza kuba nzima ukudlala neCeltic ngoba iqhuba kakuhle. Ndinethemba kodwa ukuba singalungisa iingqondo zethu siphinde siqinisekise ukuba sidlala ngokuzimisela emdlalweni,” utshilo uMapeza ethetha kwiSuperSport.

Imidlalo yePSL:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs AmaZulu @Harry Gwala Stadium, 20:00; Stellenbosch vs Baroka @Athlone Stadium, 20:00

Mgqibelo: Black Leopards vs Kaizer Chiefs @Thohoyandou Stadium, 15:30; Orlando Pirates vs Highlands Park @Orlando Stadium, 18:00; Cape Town City vs Bidvest Wits @Cape Town Stadium, 18:00

Cawe: Polokwane City vs Golden Arrows @Peter Mokaba Stadium, 15:30; SuperSport United vs Mamelodi Sundowns @Lucas Moripe Stadium, 15:30